21.2 C
King William's Town
Wednesday, May 22, 2024

OTYHOLWA NGOKUDLWENGULA UGWETYWE UBOMI ENTILONGWENI

Umtyholwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe ubudala (57) ugwetywe ubomi ejele ngolwesithathu umhla wesixhenxe kwinkundla yengingqi yaseGqeberha ngokudlwengula intombazana ekwishumi elivisayo.

Ngomhla wamashumi amabini ananye kweyoKwindla -2022, malunga nentsimbi yesixhenxe (19:00), ixhoba elineminyaka elishumi elinesihlanu(15) ubudala elinengxaki yengqondo latyelela ummelwane walo eKuyga. Xa inkosikazi ibilele endlwini, umtyholwa wahenda ixhoba waya nalo ekhitshini nalapho lafike lakhulula iimpahla zalo, walidlwengula. Ngoxa ummangalelwa wayexakekile, kwafika ingqina endlwini laza lakroba ngomngxuma wesitshixo laza labona ukuba ummangalelwa wenza ntoni. Udlwengulo lwaxelwa ngoko nangoko kusapho lwexhoba. Umtyholwa wabanjwa kwangaloo ngokuhlwa.

UMtutuzeli Mazele oneminyaka engamashumi amahlanu anesixhenxe (57) uhlale eluvalelweni de kwagqitywa eli tyala.

UMkomishinala wesithili saseNelson Mandela Bay uMajor General Vuyisile Ncata usamkele isigwebo waza wancoma umcuphi wetyala uD/Cst Samantha Frost wecandelo lokhuseleko lwabantwana nolwaphulo-mthetho ngokwesondo eGqeberha ngokufumana esona sigwebo siphezulu kummangalelwa. “Nanjengoko sisanda kukhumbula iveki yoKhuseleko lwaBantwana, kufuneka sigxininise ekunyuseni ulwazi ngokhuseleko lwabantwana bethu kwimpatho-gadalala, ukuxhatshazwa, ukungakhathali nakuzo zonke iintlobo zobundlobongela. Abadlwenguli abafana noMazele basebenzise ithuba lomntwana oselula ongenakuzinceda kwaye lixesha lokuba sonke sibambisane ukunqanda ukuxhatshazwa”,wongeze watsho uMaj Gen Ncata.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
21.2 ° C
21.2 °
21.2 °
44 %
3.2kmh
13 %
Wed
26 °
Thu
22 °
Fri
16 °
Sat
22 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks