UMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheleli Mene ubongoza imibutho yoonoteksi exabeneyo esebenza kwindawo yaseLusikisiki nasePort St Johns ukuba isebenzisane kwaye ifumane izisombululo zoxolo kwiiyantlukwano zabo eziqhubekayo ngoku ezikhokelela kubundlobongela obumasikizi apho kubhubhe abantu.
Iingxelo zokuqala zithi ngale ntsasa umhla we 16 Ku January 2024, (ixesha elingaziwayo), imibutho yoonoteksi emibini iqhubene nokudubulana kwirenki yasePort St Johns. Kukwatyholwa ukuba amagosa amathathu okhuseleko kumbutho weeteksi omnye waseLusikisiki enzakala ngokubhubha ngelixa abanye abantu abahlanu kwicala lasePort St Johns befumene amanxeba okudutyulwa. Kuhlaselo olwalandelayo, inkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye ubudala yabethwa yimbumbulu yaza yasiwa esibhedlele ukuze ifumane unyango. Iimoto ezintathu zatshiswa.
Abogcino-cwangco baye kwindawo yexhwayelo. Bebonke abarhanelwa abalithoba babanjiwe. Amapolisa azakuhlala kulo mmandla de imeko izinze.
UNjengele Mene usikhalimele kabukhali isenzo solwaphulo-mthetho esinje. “Ukuchas’ umthetho okunjalo akuyi kunyanyezelwa njengoko ubomi babantu abamsulwa busesichengeni. Ngokukhawuleza sihlaba ikhwelo kubo bonke abachaphazelekayo ukuba beze ngaphambili kwaye bazibandakanye kwiingxoxo ezakhayo kwaye ngokukhawuleza bafumane isisombululo ukuze kuthintelwe ukuphulukana nobomi, utshilo uNjengele Mene.

