23.5 C
King William's Town
Friday, January 24, 2025

IMfundo esiSiseko ikhusela umhla weziphumo zematriki eziphuma kade

ISebe leMfundo esiSiseko lisikhusele isigqibo salo sokusuka kumkhwa wokukhupha iziphumo zebanga leshumi kwiveki yokuqala kaJanuwari. Lithi oku kuvumela iqumrhu eliqinisekisa umgangatho uMalusi ithuba lokuqinisekisa ukuba iziphumo zokugqibela zikumgangatho ofunekayo kwaye zithembekile.

Iziphumo zebanga leshumi zowama-2023 ziza kubhengezwa nguMphathiswa weMfundo esiSiseko uAngie Motshekga ngoLwesine. Lo gama kubhalwe iphepha loviwo lokugqibela ngomhla wesithandathu kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo. Isebe lithi lithatha ixesha kuba lifuna ukuqinisekisa ukuba isiphelo semveliso sithembekile.

“Ukuhamba kweminyaka uye wanda umsebenzi owenziwa lisebe phambi kokuba kukhutshwe iziphumo. Luninzi uhlalutyo olwenzekayo kunye noqinisekiso olwenzekayo ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho mviwa uchaphazeleka kakubi,” sitshilo isithethi seMfundo esiSiseko uElijah Mhlanga.

Nangona kunjalo, usuku lokukhululwa luyimbangela yokukhathazeka kwabanye abazali kunye namaqela aphikisayo.

“Abazali banelungelo ngalinye lokukhalazela ukukhutshwa kade kweziphumo zebanga leshumi. Ezi ziphumo kulindeleke ukuba zikhutshwe kwiveki yokuqala kaJanuwari ukuze abazali nabafundi balungiselele ikamva labantwana,” utshilo uBaxolile Nodada weDA.

“I-ACDP iyabelana ngenkxalabo yabazali yokuba ewe, ukukhutshwa kade kweziphumo kubanefuthe elibi kubafundi kwaye kwandisa unxunguphalo, ingakumbi kwabo bafuna iziphumo ukuze bazi ukuba bakulungele na ukungena kwinkqubo abayibhalisele ezidyunivesithi okanye kwiikholeji,” litshilo Ilungu leACDP ePalamente uMarie Sukers.

Abanye bayasixhasa isigqibo seSebe.

“Kukuvumela abafundi ixesha elongezelelekileyo lokulungiselela iimviwo abazibhala emva kwexesha kodwa kukunika Umalusi, oliqumrhu eliqinisekisa iziphumo, ixesha lokwenza umsebenzi ogqibeleleyo wokuqinisekisa umgangatho,” utshilo uBongiwe Mbinqo-Gigaba olilungu leANC ePalamente .

Umalusi ukuvumile ukukhutshwa kweziphumo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
77 %
2.6kmh
69 %
Fri
22 °
Sat
35 °
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks