12.5 C
King William's Town
Monday, October 6, 2025

Kubanjwe abarhanelwa abane ngokubulala izihlandlo ezimbini kwiyure ezingamashumi amabini anesine, eKhwexurha.

By Asipile Kitchen.

Kumbono omangalisayo wezenzo zamapolisa ezikhawulezileyo kunye nentsebenziswano emandla eluntwini, iSAPS eKhwenxurha ibambe ngempumelelo abarhanelwa abane (4) ababandakanyeka kwityala elimanyumnyezi lokubulala kabini.

Eli phulo belikhokelwa libambela leNkumanda yesiKhululo uWarrant Officer Gcobisa Majiya, nowalandela ezithendeni zabarhanelwa neqela lakhe, belandela umkhondo ngokukhawuleza. Oku kulandela emva kokuba amadoda amabini aneminyaka elishumi elinesithoba (19) ukuya kumashumi amane anesibini (42) abulawayo emva kokutyholwa ngokubusela ngakomnye wabarhanelwa kwindawo yaseSoto ngaphandle kwaseMonti, phakathi kweCawe noMvulo.

Amapolisa ngolwazi olwadluliselwa kuluntu lwasekuhlaleni akwazile ukuvalela ekoneni abarhanelwa ngaphandle kokulibazisa. Bobane ngoku bajongene namatyala amabini okubulala.

Abaphathi beSAPS baseKhwenxurha bancome ukuphendula ngokukhawuleza kweqela kunye nendima edlalwe luluntu ekuqinisekiseni ukuba ubulungisa buyenzeka.

“Impumelelo yeli tyala sisiphumo sentsebenziswano ebalaseleyo kunye nokuthembana okwakhiwa phakathi kwamapolisa noluntu”.

Amalungu aye abonisa ukuzinikela, kwaye uluntu nalo lwasabela ngenkxaso elinganayo.

Abarhanelwa bazakuvela kungekudala enkundleni njengoko uphando lusaqhubeka.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
12.5 ° C
12.5 °
12.5 °
89 %
1.1kmh
100 %
Mon
25 °
Tue
25 °
Wed
26 °
Thu
24 °
Fri
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks