By Buhle Nomgalasa.
UAthol Trollip, uMbhexeshi oyiNtloko weActionSA, ufake izityholo zolwaphulo-mthetho ngakumphandi wenkundla uPaul O’Sullivan, esithi uyamoyikisa kwaye uyamgrogrisa.
UTrollip ufake isimangalo kwisikhululo samaPolisa esikuMbindi weKapa ngoMvulo, umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala 2025, esithi uO’Sullivan umthumelele imiyalezo emoyikisayo ephazamisana nokwenza umsebenzi wakhe ePalamente.
UTrollip uthe ukuziphatha kuka-O’Sullivan luhlaselo oluthe ngqo kwigosa elonyuliweyo, kwaye unoluvo lokuba olu hlobo lokuziphatha kufuneka lujongwe ngokusemthethweni.
“Kudala ndijongile undihlasela ngezityholo ezingachanekanga kumakhasi onxibelelwano, oku ndikufumene kumntu ondithumeleleyo. Kucacile ukuba usisidenge esizidlayo esingazi nokuba kuqhubeka ntoni. UMkhwanazi sesinye sezigebenga ezinkulu ezakhe zanxiba iyunifomu yamapolisa, ubugebenga bakhe xa buvezwa ekugqibeleni, buyokothusa isizwe. Okona kulungileyo kukuba, ngokungafaniyo nawe, umvuzo wakho usuka kwigalelo lam lerhau yelilizwe,” utsho uTrollip.
Ethetha neSABC, uTrollip uthe akangotsotsi kwaye ebesenza nje umsebenzi wakhe njengelungu lePalamente.
“Yonke into ebendiyenza, njengommeli woluntu kwanelungu lePalamente, bendimemelela ukuba ziphandwe ezi zityholo zikaMkhwanazi.
“Uqhubeleke phambili wagrogrisa inkokeli yeActionSA, egrogrisa uHerman Mashaba, esithi uza kuxelela wonke umntu amaziyo ukuba angayixhasi iActionSA. Yonke le nto ayenzayo kukundikhuthaza ngakumbi kuba kukho intetho ethi, ukuba ufuna inja yikhabe kwaye umniniyo uya kuphuma ngokukhawuleza.” Utshilo kubasasazi.

