Amapolisa abambe abarhanelwa ngethuba bebeba kwenye yeendawo zoshishino eDutywa izolo, ngomhla we-08 kuJanaury 2024 malunga nentsimbi ye-04:00. Ngentseni izolo, amapolisa ebexakekile ejikeleza kumbindi waseDutywa ngethuba ebambe abarhanelwa abathandathu (6) ababandakanyeka kuqhekezo nobusela kwelinye lamashishini edolophu.
Amapolisa abone abantu ababini abarhanelayo ze kuphando bafumanisa ukuba bebexakekile besiba evenkileni. Emva kophando kwindawo yolwaphulo-mthetho amapolisa abambe abanye abarhanelwa abathathu kwaye afumana utywala obubiwe kunye neveni eyayisetyenziswa ukwenza ulwaphulo-mthetho.
Uphando olunzulu lwakhokelela ukuba amapolisa abambe umrhanelwa wesithandathu owayezifihle kuphahla lwendawo yoshishino.
Amapolisa afumene utywala obungaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka (R500 000 00), imipu nembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume, umatshini wokugaya kunye neediski ezintlanu.
Bonke aba barhanelwa babekwe ityala lokuphanga ishishini kunye nobusela, ukuba nemipu nembumbulu ngaphandle kwempepha-mvume.
UMkomishinala wesithili sase-Amathole uNjengele Ngangema Xakavu uncome la malungu ngokuphapha kwawo xa ejikeleza ezitalatweni nanjengoko ebone abarhanelwa besenza umsebenzi kwanokohlutha izinto ekusenokwenzeka ukuba zibiwe.

