UNzimande ufunga ukuba akazukurhoxa emsebenzini ngenxa yebholo lika NSFAS

Umphathiswa weMfundo ePhakamileyo uBlade Nzimande uthi akazukurhoxa emsebenzini wakhe emva kokuba iOrganization Undoing Tax Abuse (OUTA) ithi ifumene izikrweqe kubaboneleli beenkonzo zeNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS).

I-OUTA ikwabanga ukuba umbutho wamaKomanisi woMzantsi Afrika (SACP) unikwe ubuncinane isigidi seerandi.

Kutyholwa ukuba ezi ntlawulo beziyimbuyekezo yeethenda nokhuseleko lwababoneleli-nkonzo.

UGqr Nzimande uthi kukho iphulo elibi lokuba agxothwe emva kokuba esebenze ngobuqhophololo kwaNSFAS.

UNzimande, ogama lakhe likhankanyiweyo kushicilelo oluputshulweyo, ugxininisa ukuba umsulwa.

“Andizukurhoxa, kutheni kufuneka ndirhoxe? Okunye ushicilelo lukhankanya igama lam. Makhe ndikuxelele, amagama abalungiseleli achithwa kuyo yonke indawo, phantse lonke ixesha. Ngamanye amaxesha udibana nomntu aze athi, ‘Mphathiswa, ndixelelwe le naleya’.”

“Ngamanye amaxesha uye ufumane umntu okhalazayo, ‘Ndisifakile isicelo kwiSETA ethile, kodwa khange baphendule kum’. Njengommeli woluntu, andinakuthi hamba,” wongeza uNzimande.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA