22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Kubanjwe amadoda amabini (2), ngokubane mipu engekho semthethweni eNgqeleni.

Kwiziganeko ezibini ezahlukeneyo kwindawo yolawulo enye eNothintsila eNgqeleni, kubanjwe abarhanelwa ababini abaneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ukuya kumashumi amane anesithoba (49) ubudala ngokufunyanwa nemipu, imagazini neembumbulu ezingekho-semthethweni.

NgoLwesine umhla weshumi elinesithandathu (16) kaCanzibe malunga nentsimbi yesibini ekuseni (02:00), igqiza loThintelo loLwaphulo-Mthetho lwaseNgqeleni kunye nesithili sase-OR Tambo esikhokelwa ngabeNtlola yoLwaphulo-Mthetho balandele ulwazi abalufumene malunga nomrhanelwa oneminyaka engamashumi amane anesithoba (49) ubudala onompu ongenaphepha-mvume.

Amapolisa aqhubele phambili kwindawo ahlala kuyo apho kufikwe bephethe imipu, imagazini neembumbulu ngaphandle ezingena zimpepha-mvume, babanjwa bavalelwa kwisikhululo samapolisa eNgqeleni.

Kanti kwangobo busuku bangoLwesine malunga nemizuzu engamashumi amane emva kwentsimbi yeshumi elinenanye ngokuhlwa (23h40), elinye iphulo lobuntlola ngamalungu aseNgqeleni eVispol likhokelele ekubanjweni kwendoda eneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala ngokufunyanwa nompu ongekho mthethweni oneembumbulu.

Omabini la madoda abekwe ityala lokuba nemipu engekho mthethweni kunye neembumbulu. Ukanti omabini lamadoda avele kwinkundla kamantyi eNgqeleni ngoMvulo.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks