Ufunyenwe enetyala lokuqhatha uOld Mutual uLindeka Patricia Ntlokwinendaba oneminyaka engamashumi amane nanye (41), wagwetywa ngoLwesithathu kwiNkundla yoLwaphulo-Mthetho lwezoRhwebo, eMthatha eMpuma Koloni. Oku emveni kokuba waafaka ibango lokubhubha ngobuqhophololo.
Ukubanjwa kwakhe ibiliphulo eliphakathi koPhando olubi lwezoRhwebo lwaseMthatha (SCCI) looKhetshe, iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) kunye nenkampani ye-Inshorensi yakwaOld Mutual.
Ngokwephepha-ndaba i-Independent Online, ingxelo ephuma kwisithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKapteni Yolisa Mgolodela, uNtlokwinendaba ufake umfi uMfunxuse Golden Mvinqi kwi-Inshurensi yakwaOld Mutual.
“Wathi ngutata wakhe wesibini, wabe engenguye,” utshilo uMgolodela. Ukubhubha kukaMvinqi ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyeSilimela ngo-2018, uNtlokwinendaba walungisa izibonelelo zokufa kuba eyintombi yakhe.
“Imali engamawaka angamashumi amabini (R20,000.00) ihlawulwe ngempumelelo ngabakwaOld-Mutual kumfaki-bango.”
UMgolodela uthi kamva uOld Mutual wenze uphicotho-zincwadi ze waliphonononga ibango elingeniswe nguNtlokwinendaba.
“Kwafunyaniswa ukuba wayengumhlobo womtshana kamfi hayi umntwana wakhe. Ngaphaya koko, kufumaniseke ukuba akukho galelo leenziwa nguNtlokwinendaba kumngcwabo kamfi.”
Iphephandaba i-independent Online lithi uMgolodela uthe uOld Mutual wawubike lo mba kooKhetshe ngo-2020 ukuze bawuphonononge. Oku kwakhokelela ekubanjweni kukaNtlokwinendaba ngomhla weshumi elinesithathu (13) kweyeKhala ngo2021.
Wakhululwa ngesilumkiso kwangaloo mini emva kokuvela kafutshane kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo eMthatha.
OoKhetshe bathi uNtlokwinendaba ugwetyiwe kwiveki kwaye ugcinwe eluvalelweni.
Iinkqubo zokugweba ziza kuqala ngomhla wesine kuJuni.

