23.5 C
King William's Town
Wednesday, September 4, 2024

Kubanjwe amadoda amabini ngezityholo zokushishina ngemikhombe

Intsebenziswano egqwesileyo phakathi kwamapolisa kunye namagosa ezokhuseleko kwindawo yogcino lwezilwanyana yabucala ikhokelele ekubanjweni ngokukhawuleza kwabarhanelwa ababini kunye nokuhluthwa kwezixhobo zokuzingela ngokungekho mthethweni ngentseni yangoLwesihlanu umhla wesixhenxe kweyeKhala.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesithandathu kusasa, amalungu e-Port Alfred K9 kunye namagosa okhuseleko amisa isithuthi kuhola wendlela uR67 eKoonaprivier phakathi kweMakhanda neFort Beaufort. Isithuthi siye sagqogqwa kwaze kwafunyanwa umpu ongamakhulu amathathu anamashumi asixhenxe anesihlanu kunye neembumbulu eziphilayo zifihlwe kwiindawo ezahlukeneyo ngaphakathi kwesithuthi. Abarhanelwa ababini abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ukuya kwamashumi amane ubudala baseTembisa eGauteng bavalelwe ngezityholo zokuqulunqa iyelenqe lolwaphulo-mthetho nokuba nemipu neembumbulu ngokungekho mthethweni.

Balindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi eFort Beaufort ngoMvulo, umhla weshumi kweyeKhala 2023.

Umkomishinala weSithili saseSarah Baartman, uMaj Gen Zolani Xawuka ukwamkele ukubanjwa kwemikhombe kwaye wabonisa ukuba ukuzingelwa kwemikhombe kuyingozi enkulu kwizilwanyana esele zisesichengeni, ngoko ke ulondolozo kufuneka lukhuselwe, kwaye abarhanelwa babanjwe. Wongeze ngelithi,’ ukuzingelwa kwemikhombe ngokungekho mthethweni lityala lolwaphulo-mthetho kungoko iziphumo zokuzibandakanya nezenzo zokuzingela ngokungekho mthethweni ziya kuba mbi. Asiyi kukunyamezela ukuxhaphazwa okuqhubekayo kwezilwanyana zasendle njengoko sisebenza ngokusondeleyo nolondolozo lwezilwanyana zasendle ukuzisa abenzi bobubi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
40 %
1.4kmh
100 %
Wed
26 °
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
18 °
Sun
19 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks