19.3 C
King William's Town
Monday, May 19, 2025

Ngumzukulwana wakuQoboqobo oxhaxhe wabulala uTatomkhulu kunye noMakhulu wakhe.

Abahlali bakuQoqoboqobo basothukile emva kokuba bevuswe sisithwakumbe seendaba zokuxhaxhwa kubulawe isibini.

Esisisbini, lixhego nexhegokazi eliqikelelwa kwiminyaka engaphaya kumashumi asixhenxe(70) ubudala. Kuvakala ukuba baxhaxhwe ze babulawa ngumzukulwana wabo oyinkwenkwe noqikelelwa kwiminyaka engamashumi amanini nangaphezulu ubudala(20+)

Ngokwengxelo evela kumhlali waleli yaseCata uthi, bavuswe ngomnye wabazukulwana welikhaya emva kokuqaphela ukuba utatomkhulu noMakhulu abade baphume endlini yabo. Uye ke umtwana wagqiba kwelokuba ayokuvula ucango, kanti ngelishwa uzakugagana nezidumbu ezimbini, zilujaja ligazi kwaye kubonakala izembe elinegazi lijinga emva kwecango.

Emva kophando olwenziweyo, kufunyaniswe ukuba esisibini sixhaxhwe ngumzukulwana nobelixhoba lezoyobisi. Kwaye khange abaleke koko amapolisa afike ethe nqwadalala ekhayeni ewalindile. Ibikwanguye nowaxeleleyo ukuba ibabulele.

Isizathu usibuziwe ze wathi, oko ebekwenziswa ziziyobisi.

Itsha ntliziyo lombutho ongenanto yakwenza noRhulumente uPetros Majola weKhula Development Projects kulindeleke ukuba atyelele kwelakhaya ngeliyokuvela kukothuswa sesisenzo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
19.3 ° C
19.3 °
19.3 °
79 %
1.1kmh
100 %
Mon
19 °
Tue
30 °
Wed
14 °
Thu
17 °
Fri
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks