KUBANJWE AMADODA AMABNINI MALUNGA NOKUBULALA AMAQABANE ABO KWIZIGANEKO EZAHLUKENEYO.

Amapolisa eMpuma Kapa namhlanje umhla wokuqala (01) kweyomQungu 2025 akhuphe ingxelo yokuba abambe amadoda amabini ngezityholo zokubandakanyeka ekubulaweni kwamaqabane awo kwiziganeko ezahlukeneyo kwiSithili sase-OR Tambo.

Kutyholwa ukuba ngoMvulo, umhla wamashumi amathathu (30) kweyoMnga 2024 malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku (23H00) kwingingqi yaseNkonkweni kuQumbu, indoda enamashumi amathathu anesibini (32) iye yabulala inkosikazi yayo enamashumi amabini anesine (24) ubudala, kulandela ukurhanelwa ngokukrexeza.

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala ubanjiwe, kwaye uzakuvela kwinkundla kamantyi wakuQumbu ngoLwesine, 02 kweyomQungu 2024 ukuze abhekane netyala lokubulala.

Kwesinye isiganeko, ngoLwesibini, umhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga 2024 malunga nentsimbi yesine kusasa (04:00), kutyholwa ukuba eMqanduli, kwingingqi yaseMancam, eLower Ngqungqu A/A, kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ngetyala lokubulala, emva kokutyholwa ngokukrwitsha ngebhanti iqabane layo elineminyaka engamashumi amane (40) ubudala.

Ulwazi olukwiingxelo zamapolisa lubonisa ukuba umrhanelwa uye wabethwa ngabahlali phambi kokuba abanjwe. Okwangoku usesibhedlele, phantsi kweliso lamapolisa. Uzakuvela kwinkundla kamantyi eMqanduli kungekudala.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana ufunde ngomothuko ngeendaba ezibuhlungu zabasetyhini ababini, ababhubhela ubomi babo ezandleni zabo babethembise ukubathanda nokubakhusela. Ukwadlulise amazwi ovelwano olunzulu kuzo zombini iintsapho ezichaphazelekayo ngenxa yokuphulukana nabantu ababathandayo. Ezi zenzo zoyikekayo ze-GBVF, ingakumbi kubantu abasesichengeni kuluntu lwethu kufuneka zifikelele esiphelweni. Njengamapolisa, asinakuze siphumle de soyise umlo ochasene nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini, uvale ngelo uMajor General Modishana.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA