Ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (250 kweyoMnga 2024, uBusisiwe Jemsana-Mantashe ongunNina wenkwenkwana eneminyaka emine ubuncinci, bebeyozimasa itheko lokubhiyozela ukusuku lweKhrisamasi kwingingqi yabo yokuhlala eGonubie.
UMantashe uthe eli theko belizinyaswe nguye nabani ongumhlali kule ngingqi kubhiyozelwa olu suku, kwaye kuthe xa kufika ixesha lokubulisa abahlali kunye nabantwana kwaye kuthathwe imifanekiso yokwenza iinkumbulo zalo mhla, lowo ubedlala indima ka-‘Father Christmas’, uLouw Myburgh, wabonakalisa iintshukumo zocalucalulo ngakumntwana wakhe kunye nabo banebala elimnyama, ebonakalisa ukungabahoyi, eqhubeka enika umdla kwabo banebala elimhlophe ebafunqula kumnandi kubuliswana, kodwa xa kusondela abantwana abancinci abamnyama, ebebonakalisa ukungabahoyi ngokucacileyo.
Unina wale nkwenkwana uthe ngalamzuzuz akakhange ayithathele ingqalelo lento de wabe ufika ekhayeni lakhe ngosuku olulandelayo.
“Ngalamhla wetheko ndiyibonile le nto isesenzeka kodwa andayithathela ngqalelo. Ngosuku olulandelayo xa ndiphinda ndibukela olushicilelo lwevidiyo bendilithatha, ndaqhaphela oku. Ndazama ukuxhomana noLouw Myburgh kunye nonkosikazi wakhe ndavakalisa imvakalelo yam kodwa ndafumana mntu obonakalisa ukungaqondi isenzo sakhe kwaye benayo nendawo ebonakalisa ukungakukhathaleli oku bendikuvakalisa. Kulapho ndiye ndabona ukuba eza zenzo ibiyonto yangamabom,” utshilo uMantsahe kudlwiwano ndlebe ebenalo neNewzroom Afrika.
NgoLwesibini ipolisa elinxibe njengo-‘Father Christmas’ lihambe negqiza elikhokelwe nguMkomishinala wesithili saseBuffalo City uGeneral Christopher Wright kunye nelungu lePalamente uHelen May betyelela le nkwenkwana eGonubie, eMonti.
Oku kusemva kokuba usasazeke ividiyo yakhe nabanye abantwana ekutyholwa ukuba bebengahoywa ngu-‘Father Christmas’ obonwa ebulisa ethwele abanye abantwana kumsitho weKrisimesi eMonti.
Isithethi samapolisa uLt-Col Siphokazi Mawisa uthi ukubonakala emangalisiwe kwikhaya lale nkwenkwana bekwenzelwe ukuzisa ulonwabo nemigcobo yeholide.
“Uchulumanco belubhalwe ebusweni bakhe njengoko babesondela kwikhaya lakhe, yaye waphuma ebaleka waza wakhawulwa ngu-‘Father Christmas’. Ibilusuku olumnandi kuye nodade wabo, baphiwa nezipho,” utshilo uMawisa.
UMawisa uthi eli qela likwanikezele ngokutya nempahla kubantwana abangqonge i-A Sekshini, kwilokishi yaseMzamomhle, eGonubie.
“Amalungu oluntu kunye nabantwana basivuyele kakhulu isenzo seqela. Ibilusuku lokugqibela luka-2024 olukhumbulekayo kubazali nabantwana bommandla waseGonubie,” utshilo.
Ngokwengxelo yeNewzroom Afrika, umama wale nkwenkwana ufake isimangalo kwikomishoni yamalungelo oluntu yoMzantsi Afrika ngento athi bubuhlanga ngakunyana wakhe.

