Kubanjwe amanina amabini ngokudubula okungaqhelekanga kumngcwabo womrhanelwa

Abasetyhini ababini abathi bavulela ngeembumbulu emngcwabeni wakuTsolo ngo-Okthobha kulo nyaka babanjiwe.

Isithethi sebutho looKhetshe UWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi uBongo Yonela Dipa, 24 noChumisa Phunguzwa bavele enkundleni kamantyi kuTsolo ngoLwesihlanu.

Uthi banikwe i-bail eyi-R2 000 umtu emnye.

uMnglakuvana uthi abarhanelwa bebezimase umngcwabo womrhanelwa otyholwa ngokuxhomisa isithuthi semali. Esisehlo senzeka ku hola wendlela u-N2 kufutshane nesiphambuka saku Tsolo.

Uthi nge-15 Oktobha 2023, la manina mabini ebesemngcwabeni kwaye babephakathi kwabo babekho kwinkonzo yokungcwaba ebanjelwe kwindawo yaseMcetywa.

Ngenxa yesi sigameko sokudubula ngokungacwangciswanga, kwangxwelerheka umntu wamnye kwaye amapolisa wavula ityala eladluliselwa kwiQela leMisebenzi ye-Hawks.

U-Mhlekuvana uthi uphononongo olubanzi lukhokhelele kwisigunyaziso sokuBamba lamanina.

UDipa no Phunguzwa bajamelene netyala lokuzama ukubulala, ukuba nompu ngokungekho mthethweni kunye nokudubula esidlangalaleni ngokungekho mthethweni.

Eli tyala limiselwe umhla wesi-5 kaFebruwari 2024.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA