Kudutyulwe ze kwabulawa abakhwetha abathathu(3) eNgqamakwe

Isebe lezempilo eMpuma Koloni liqinisekise ngesiganeko sokudutyulwa kubulawe ababakhwetha abathathu kwisikolo solwaluko eNgqamakwe.

Isithethi sesebe, uSizwe Kupelo, uthe unobangela wokubulawa kwabakhwetha ngentseni yangoLwesibini awukaziwa. Uthi amapolisa sele eqalile ukuphanda iimeko ezijikeleze esi sehlo.

Ukanti iingxelo senkonzo yesipolisa eMpuma Koloni, zichaza ukuba uyise wabakhwetha ababini ufumene umyelezo othi kuyadutyulwa esikhwetheni. Ntoleyo emenze wakhawuleza ukuyokuhlola ukuba kwenzekani, kanti ngelishwa uzakugagana nemizimba yabantwana bakhe bedutyuliwe kwaye sele bebhubhile.

Ababhubhileyo bathathu, ingabantakwe logama omnye ebesisihlobo.

UKupelo uthi ababhubhileyo bebeneminyaka eyi-19, 20, ne 22.

Uthi isebe lithumele amagosa onyango kwindawo yexhwayelo, logama abaphandi basenkundleni bekhuphe izidumbu ukuze kuphandwe.

Amagama abo asankonyiwe

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA