By Asemahle Mbete
UMzimba wentwazana eneminyaka elishumi elinesibini ubudala ibhaqwe etyholweni kufutshane neSitalato iKhabonqaba, NU6, eMotherwell, ngentsasa yomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuJuni ngo-2025 malunga nentsimbi ye-02:10.
Ixhoba, elichazwe njengoLithaliyanda Ntoni (12) wesitalato iLuzipho, NU10, eMotherwell, lichazwe njengelilahlekileyo ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeSilimela ngo2025 emva kokungabuyi kwivenkile ekufutshane.
Amapolisa oMzantsi Afrika sele ebambe umrhanelwa onamashumi amathathu anethoba (39) eminyaka ubudala ngezityholo zokuxhwila nokubulala.
UMajor General Thandiswa Kupiso, obambeleyo kumkomishinala wephondo leMpuma Koloni, uvakalise udano olukhulu ngolu lwaphulo-mthetho:
“Nangona sincoma ukubanjwa okukhawulezileyo kweli tyala, inkohlakalo yokubulawa kwalo mntwana ibothusile kakhulu amagosa ethu noluntu. Silithembile ngokupheleleyo iqela lethu eliphandayo kunye neGunyabantu lezoTshutshiso ukuba liqinisekise ubulungisa kuLithaliyanda nosapho lwakhe.”