Kubanjwe orhanelwa ngokubulala intombazana eneminyaka eli-12 ubudala e-Motherwell, eGqeberha.

By Asemahle Mbete

UMzimba wentwazana eneminyaka elishumi elinesibini ubudala ibhaqwe etyholweni kufutshane neSitalato iKhabonqaba, NU6, eMotherwell, ngentsasa yomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kuJuni ngo-2025 malunga nentsimbi ye-02:10.

Ixhoba, elichazwe njengoLithaliyanda Ntoni (12) wesitalato iLuzipho, NU10, eMotherwell, lichazwe njengelilahlekileyo ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyeSilimela ngo2025 emva kokungabuyi kwivenkile ekufutshane.

Amapolisa oMzantsi Afrika sele ebambe umrhanelwa onamashumi amathathu anethoba (39) eminyaka ubudala ngezityholo zokuxhwila nokubulala.

UMajor General Thandiswa Kupiso, obambeleyo kumkomishinala wephondo leMpuma Koloni, uvakalise udano olukhulu ngolu lwaphulo-mthetho:

“Nangona sincoma ukubanjwa okukhawulezileyo kweli tyala, inkohlakalo yokubulawa kwalo mntwana ibothusile kakhulu amagosa ethu noluntu. Silithembile ngokupheleleyo iqela lethu eliphandayo kunye neGunyabantu lezoTshutshiso ukuba liqinisekise ubulungisa kuLithaliyanda nosapho lwakhe.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA