Lilungelo likaMongameli lokuqesha nokususa abaphathiswa: Ntshavheni.

By Asemahle Mbete.

UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthi uMongameli unelungelo njengentloko yombuso ukutyumba okanye ukukhupha abaphathiswa kunye namasekela-baphathiswa.

UNtshavheni ungqinile ngethuba ethetha nasemva kwekhabhinethi izolo ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa umsusile esikhundleni sakhe uSekela Mphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano uAndrew Whitfield.

Uthi, “UMongameli usebenzise amagunya ngeendlela ezimbini, kukho igunya alisebenzise ngokuhlangeneyo nePalamente yakhe kwaye kukho igunya alisebenzisayo yedwa njengoMongameli.”

“Isigqibo sokutyumba okanye ukushenxiswa okanye ukuhlenga-hlengiswa kwabaphathiswa namasekela baphathiswa, lilungelo likaMongameli kuphela elo, uyakwenza oko ngaphandle kokubonisana nomnye umntu, kodwa sisigqibo sakhe sodwa,” wongeze watsho uNtshavheni.

SourceSABC News

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
43 %
1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
30 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA