Kubanjwe Owasetyhini ngezityholo zokudlwengula intombazana ekwishumi elivisayo ngobusuku bangaphambi kweKrisimesi

Inkosikazi eneminyaka engama-38 ubudala yasePotchefstroom yabanjwa ngobusuku bangaphambi kweKrisimesi emva kokutyholwa ngokudlwengula intwazana ekwishumi elivisayo.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Amanda Funani uthi udlwengulo lwenzeke e-Oudedorp ngaphandle nje kwedolophu.

Uthi kutyholwa ukuba umrhanelwa nexhoba elineshumi elinesihlanu leminyaka ubudala baxabene ngotywala ngethuba kusiliwa.

ULieutenant Funani uthi lo wasetyhini ubanjwe emva kokuba efake ngenkani ibhotile kumalungu angasese walomtwana.

Uthi umntwana wonzakele kakhulu wangeniswa kwisibhedlele sasekuhlaleni.

Lo wasetyhini kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi ePotchefstroom ngoLwesithathu.

UMkomishinala wePhondo loMntla Ntshona, uLieutenant General Sello Kwena wothukile sesi sehlo kwaye uyalele iCandelo elijongene nobuNdlobongela kuSapho, uKhuseleko lwaBantwana namaTyala ezeSondo (FCS) ukuba liyichase ibheyile kwaye liqinisekise ukuba ubulungisa buyenziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.3 ° C
11.3 °
11.3 °
87 %
2.5kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA