Ibutho looKhetshe eMpuma Koloni lithi amadoda amathathu kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala kulandela ukubanjwa kwawo ngokuxhwila umnini weshishini langaphandle.
Isithethi, sokhetshe uKapteni Yolisa Mgolodela, uthi aba bathathu, abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini kunye namashumi amathathu anesibhozo ubudala, babanjwe ngoLwesine ngamalungu eqela labo elijongene nokuxhwila.
Uthi aba bathathu bajongene nezityholo zokuxhwila, ukuphanga kuxhotyiwe, ubusela, kunye nokuxhaphaza imali.
UMgolodela uthe aba bathathu bazakuhlangana noogxa babo ababini ababanjwe ngoNovemba malunga nokuxhwilwa .
UMlandela Gwadiso onamashumi amane anesithathu eminyaka ubudala ongunogada wexhoba lokuxhwila kunye noBonginkosi Gwadiso onamashumi amabini anesihlanu ubudala babanjwa kwangolo suku lunye kwaye basavalelwe.
UMgolodela uthi lo somashishini wayesemotweni yakhe ngethuba egagana nabarhanelwa abane abamnyanzela ukuba abaqhube kwisithuthi sakhe esathi kamva safunyanwa sishiywe.
Uthi emva kwexesha le ndoda yakhululwa ngabarhanelwa abahambe bachitha imali ebalelwa kwi-R300 000 budedengu phambi kokuba babanjwe kwabo.
Bazakuvela kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesithathu.