Umtyholwa ekukholelwa ukuba ubandakanyeka kusasazo lweziyobisi kuzwelonke ubanjiwe emva kokuba amapolisa ebambe iziyobisi ezixabisa i-R19 yezigidi kwiSixeko saseKuGompo ngoLwesithathu umhla wokuqala kuTshazimpunzi.
Amapolisa abambe abarhanelwa ababini kuquka nomntu orhanelwa ukuba ngumthengisi weziyobisi kumsebenzi oqhutywa bubukrelekrele.
“Umsebenzi oqhutywa bukrelekrele ukhokelele ekubanjweni komrhanelwa ekutyholwa ukuba ubandakanyeka ekuthengisweni nasekusasazweni kweziyobisi kwiMpuma Koloni nakwamanye amaphondo,” sitshilo isithethi samapolisa uBrig Nobantu Gantana.
I-SAPS Narcotics Unit, ngokubambisana neeyunithi zoLwaphulo-mthetho oluHlanganisiweyo kunye noThintelo loLwaphulo-mthetho, zenze uhlaselo.
“Umsebenzi ulandela uphando olucokisekileyo oluqalwe emva kokuba iofisi ifumene ulwazi malunga nomntu ongummi wangaphandle ekukholelwa ukuba uququzelela ukusasazwa kweziyobisi kwiziko eliseQuigney, eKuGompo,” utshilo uGantana.
“Ngexesha lasekuseni, amalungu e-Crime Prevention abambe iToyota Corolla emhlophe kufutshane nesikhululi seenqwelo-moya iKing Phalo.
“Abamagosa ogcino-mthetho aye amisa isithuthi, agqogqa imoto nabakweli, nalapho bathe bafunyanwa beneziyobisi, ukanti amapolisa aqhubeke aya eflethini ese-Kennaway Court eQuigney”
“Umrhanelwa oyintloko uvumile ukuba kugqogqwe indawo, apho kufunyenwe khona iziyobisi ezisemgangathweni ophezulu kunye nemali eninzi”
“Ukudibanisa ixabiso lesitalato leziyobisi ezibanjiweyo kuqikelelwa kwi-R19 311 00.
Iziyobisi ezibanjiweyo ziquka iipilisi zeMandrax ezixabisa i-R1.24 yezigidi, icocaine exabisa i-R18 yezigidi, i-rock/crack exabisa i-R18 000, kunye ne-crystal meth (tik) exabisa i-R13 00.
“Ukongeza kwiiziyobisi, abaphandi babambe i-R77 340, eyimali eziinkozo, ekukholeleka ukuba yenziwe ngemisebenzi engekho mthethweni” utshilo uGantana.
Indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) ubudala kunye nowasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala babanjwe.
Umkomishinala wamapolisa wephondo laseMpuma Koloni uNjengele Vuyisile Ncata ukwamkele ukubanjwa kwaba bantu.
Kulindeleke ukuba abarhanelwa bavele kwinkundla kaMantyi kuGompo kungekudala ngezityholo zokuba neziyobisi nokuthengisa ngazo. Uphando luyaqhubeka

