23.6 C
King William's Town
Thursday, February 13, 2025

Kubanjwe usomashishini waseMpuma Kapa ngobuqhophololo kwithenda yeeTanki Yamanzi.

U-Anele Mapisa, oneminyaka engamashumi amane nanye (41), ongumlawuli we-Bright Future 1283 Trading (Pty) Ltd, ubanjwe ngoLwesithathu liCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhakamileyo (elaziwa njengeeHawks).

Wayebekwe ityala lobuqhophololo, ukukhohlisa, ukuthetha, nobusela. Ecacisa ngeli tyala, isithethi sooKhetshe eMpuma Kapa uColonel Avele Fumba uthi la matyala aqala ngo2020.

“Ithenda yakhutshwa yi-Amatola Water Board yokuqesha iitanki zamanzi, nebhajethi ye-R250 000 kumthengisi ngamnye. Abaniki-maxabiso bebefuneka ukuba babonelele ngobunini beetanki kunye namaxwebhu afanelekileyo axhasayo ukuze bafaneleke.”

Uthi uphando ludize ukuba ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeThupha ka-2020, uMapisa, obambele iBright Future 1283 Trading, kutyholwa ukuba wangenisa amaxwebhu obuqhophololo ukuze afumane isivumelwano esixabisa ngaphezulu kwamakhulu amabini amawaka eerandi.

“Olunye uphando ludize ukuba itanki yamanzi ekuluhlu lwamaxwebhu obizo-maxabiso yeyenkampani eyahlukileyo enegama elahlukileyo kuMapisa.

“Ngaphandle koku, -Bright Future yayifumana intlawulo.”

UFumba uthi lo mba udluliselwe kooKhetshe (Hawks) liCandelo loPhando eliKhethekileyo (SIU) ukuze baqhube uphando kwaye ooKhetshe baqinisekisile ukuba kukho izitenxo.

UMapisa uvelile enkundleni kwangaloo mini wayebanjwe ngayo.

“Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMqungu ngo2025 ukuze lidluliselwe kwinkundla yamatyala oRhwebo eMonti.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.6 ° C
23.6 °
23.6 °
51 %
4.1kmh
100 %
Thu
26 °
Fri
28 °
Sat
29 °
Sun
32 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks