Kubhubhe abafana abathathu, abahlanu bonzakele kudubulo olwenzeke kwindawo yokucheba iinwele eNyanga, ngoLwesithathu.

By Anita Qubula.

Amadoda amathathu aneminyaka ephakathi kweshumi elinesibhozo namashumi amabini ananye adutyulwe abulawa ze amanye amahlanu onzakala kwindawo yokucheba iinwele eBrowns Farm eNyanga, eCape Flats.

Isithethi samapolisa eNtshona Kapa uAndre Traut uthi esi sehlo senzeke ngoLwesithathu, umhla wesihlanu kweyoMsintsi 2024. Uthi amapolisa aqalise ukukhangela abarhanelwa abane ebebexhobile ekutyholwa ukuba ngawo abangele le ndyikityha yokufa.

UTraut uthi, uphando lokuqala lufumanise ukuba amadoda amane ebexhobile angene kwi ndawo apho amaxhoba asibhozo abehleli khona malunga nentsimbi yokuqala (13:15) kwindawo yokucheba, apho kudutyulwe ze babulawa kwindawo yexhwayelo. Amadoda amathandathu angeniswe esibhedlele kwaye ekufikeni kwayo indoda yesithathu yafa ngenxa yokonzakala kwayo.

Ukwathe, banesizathu sokukholelwa ukuba esi siganeko sibangelwe kukuziphindezela, kodwa njengoko uphando luqhubeka, le ntlekele iza kuqinisekiswa kwiinzame zokufikelela emazantsi eziganeko ezininzi zokubulala nokuzama ukubulala.

Kucelwa uluntu ukuba lwabelane ngolwazi neSAPS olunokuthi luncede kuphando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA