Kubhubhe abantu ababini kwisiganeko sohlaselo olumasikizi eZwide

Amapolisa aKwazakhele eBhayi avule uphando lwamatyala okubulala emva kwesiganeko sokuhlaselwa esehle eZwide eGqeberha phezolo ngoMgqibelo umhla we-22 Novemba 2025.

Ngokweengxelo ekhutshwe ngamapolisa kusasa nje, abakwantsasana besithili sakwaZakhele bafumene ikhwelo elingxamileyo lokuba bafike eMakhanda Street, eZwide ukuzokulamla kwintlekele malunga nentsimbi yethoba 21h00 kubusuku bayizolo.

Bathe bakufika baxelelwa lilungu losapho ukuba liye latsalelwa umnxeba lilungu loluntu ekuhlaleni ngesehlo sohlaselo esiqhubayo kwikhaya lakhe.

Apho kuthe konzakalisw ngokumasikizi amaxhoba aliqela. Ixhoba lokuqala, elingowasethyini oneminyaka eyi-56 ubudala, lithe lafumana amanxeba amaninzi okuhlatywa laza laswelekela kwindawo yesiganeko, amanye amaxhoba amabini ibingamadoda aneminyaka eyi-29 kunye ne-49 ubudala, athe wona abalekiselwa esibhedlele ukuyokufumana uncedo lokuqala kumonzakalo wamanxeba asemzimbeni.

Ixhoba eliyindoda eneminyaka eyi-49 liye lasweleka ekufikeni esibhedlele, ngelixa indoda eneminyaka eyi-29 ubudala yona ikwimeko embi kakhulu.

Amapolisa athe okwangoku isizathu sohlaselo asaziwa, kwaye akukho mntu ubanjiweyo.

Ukanti kananjalo abongoze nabani na onolwazi olunxulumene nesi siganeko ukuba eze ngaphambili ukuncedisana nokulwa ubundlobongela nolwaphulo mthetho ze kubanjwe abenzi bobubi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
33.3 ° C
33.3 °
33.3 °
37 %
3.8kmh
21 %
Fri
32 °
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA