Kusweleke umntu omnye kwaza konzakala abasixhenxe kwingozi ku-N2 phakathi kweGcuwa neMonti ngalenjikalanga.

ISebe lezoThutho e-Mpuma Koloni likhuphe isibhengezo ngalemvakwemini esilandulela isilumkiso ebesipapashwe kusasa, elisebe lihlaba ukhwelo kubaqhubi ezindleleni njengoko imeko zendlela ziye zathanda ukuxhalabisa ngenxa yemo yezulu emveni kokuqina kwemvula ngentseni yanamhlanje.

Eli sebe lithi ingozi eyehle ngemva kwemini ngaleCawe kuhola wendlela uN2 phakathi kweGcuwa neMonti isube ubomi bomntu omnye obeligosa elisebenzela urhulumente wephondo ze abasixhenxe bonzakala.

Ingxelo ekhutshwe nguSomlomo wesebe lezothutho kwiPhondo u-Unathi Binqose ivakalise ukudandatheka kakhulu sesisiganeko.

Le ngozi yenzeke malunga ne-15:20, ku-N2 eNciba, xa imoto yegosa lika rhulumente ebisuka ngaseMonti isiya eGcuwa iye yangquzulana neToyota double-cab ebithwele abantu abane ekukholeleka ukuba ngamalungu osapho ebesuka eGcuwa esiya eMonti.

Indawo yesehlo isasetyenzwa kwakunye nenkqubo yokuphazamiseka kokuhamba kwezithuthi kulandlela okwangoku isaqhuba njengoko inkonzo zongxamiseko esancedana neengxwelerha namagosa omthetho esaqokelela ubungqina.

Ityala lokubulala ngokungeyonjongo, kunye nokuqhuba ngokungenankathalo, liza kuvulwa kwi-sthili samapolisa saseKei Bridge ukuze kwenziwe uphando oluthe vetshe.

ISebe lidlulisa amazwi ovelwano olunzulu kusapho lwegosa eliswelekileyo kwaye linqwenela bonke abonzakeleyo ukuba baphile ngokukhawuleza.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
21 ° C
21 °
21 °
82 %
2.9kmh
77 %
Fri
35 °
Sat
25 °
Sun
19 °
Mon
19 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA