Kubhubhe abantu abathandathu kwingozi emanyumnyezi eMakhanda

Uluntu lwaseMakhanda lushiyeke lubambe ongezantsi kulandela ukubhubha kwabantu abathandathu (6) kuquka nomntwana oselula ngethuba iteksi iyokuntlitha indlu ngobusuku bangoMgqibelo umhla wesine KuCanzibe.

Umasipala waseMakana uthi le ngozi emanyumnyezi yenzeke kwisitalato i-O eTantyi emva kokuba esisithuthi siphelelwe ziziqhoboshi (Brakes) . Isithethi sikamasipala uAnele Mjekula, uthe umqhubi, abakhweli abane abaquka umsebenzi kamasipala, nomfana okwishumi elivisayo leminyaka ubudala, obezihambela ngeenyawo ngethuba egilwa sesisithuthi, babhubhele kwindawo yexhwayelo.

Ukwathe ooceba bekhokelwe nguSomlomo uMabhuti Matyumza baye bagxalathelana ukuya kwindawo yengozi nalapho baye bathuthuzela uluntu olothukileyo. UMjekula ukwabongoze uluntu ukuba lohlukane nokwabelana ngevidiyo enemifanekiso ethathwe kwindawo yengozi.

Kusenjalo, usodolophu oLawulayo kumasipala wesithili saseSarah Baartman, uDeon De Vos, umemelele abaqhubi beemoto ukuba bathobele imithetho yendlela kulandela le ntlekele. Ukwathumele iminqweno emihle yokuphila kubantu abathathu abasindileyo abachacha kwizibhedlele zaseMakhanda naseGqeberha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA