I ANC ephondweni ithi ayisazi isizathu sokubulawa kuka Ntombikayise Tom

I-ANC eMpuma Kapa ithi ayifuni kudlala ama qashi-qashi malunga nesizathu esikhokhelele ukudutyulwa kubulawe usekela-sihlalo wengingqi yase-DR WB Rubuswana, uNtombikayise Tom.

UTom usweleke kwisibhedlele saseMonti ngoMgqibelo ngenxa yamanxeba okudutyulwa awawafumana ngenyanga yoMqungu kulo nyaka.

Ukanti Iingxelo zidiza ukuba wadutyulwa yindoda engaziwayo xa efika ekhayeni lakhe eMdantsane esuka kwi Rally ye-ANC.

Isithethi se-ANC, uGift Ngqondi, uthi babongoza kwii-arhente zokunyanzelwa komthetho ukuba zikhawulezise uphando njengoko umbulala esagcwele amathafa.

“Asonwabanga ngesantya uphando oluhamba ngaso nanjengoko kungekho mntu ubanjiwe. Sihlaba ikhwelo kwakhona kwiiarhente zogcino-mthetho ukuba zikhawulezise uphando ukuze abo babandakanyeka kolulwaphulo-mthetho bajongane nengalo yomthetho,” utshilo uNgqondi

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
19.5 ° C
19.5 °
19.5 °
90 %
2.6kmh
71 %
Sat
19 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA