Kukho umkhwetha omnye ekuqinisekisiweyo ukuba ubhubhile eMpuma Koloni ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lwasebusika.
Ukubhubha kwakhe kushicilelwe kwikhasi lezonxibelelwano lomasipala ombaxa waseBuffalo City.
IKomiti yoLwaluko yasekuhlaleni indwendwele usapho lomfi.
ISithethi kumasipala ombaxa uSamkelo Ngwenya uthi baxhalabile ngokwanda kwamanani olwaluko olungekho mthethweni kumasipala ombaxa.
USihlalo weBCM Initiation Forum, Inkosi uGwazinamba Mathanzima uthethe amazwi ovelwano, eqinisa usapho lomfi kwelixesha linzima.
Uthe onke amadoda ekuhlaleni anoxanduva lokuwukhusela lo mkhwa.
“Akufunekanga uvumele nawaphi na amakhwenkwe aselula angakhatshwanga ngabazali kwizikolo zakho zokwaluka, kufuneka ujonge neemeko zabo zengqondo xa besiza kuni becela ukuba babe ngabakhwetha benu,” utshilo.
Wongeze ngelithi ilokishi yaseMzamomhle inabakhwetha abangaphaya kwamashumi amabini anesine ngoku kwaye umyinge wamashumi alithoba anesibini ekhulwini (92%) kubo abanawo amaxwebhu avumela ukuba babe ngabakhwetha.
Njengoko kuvulwe ixesha lolwaluko, iQonga liya kuqhubeka lityelela izikolo kwaye libeke iliso kwintlalontle yabakhwetha.
Umququzeleli weBCMMIF uKenneth Kodwa ubalule ukuba esi sehlo sesokuqala ukusukela oko kuvulwe ixesha lolwaluko lwasebusika ngo2024.
“Oku kokokuqala ukubhubha oko njengokuba kuqale isizini. Siyayigxeka le nto kwaye sicela uluntu ingakumbi abazali basebenzisane nathi.
By Anita Qubula

