UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, uncome intsebenziswano phakathi kweSAPS yaseChatty, eBethelsdorp kunye neYunithi eChasene neMigulukudu (Anti-Gang Unit) ekhokelele ekufumaneni imipu emihlanu kwaze kwabanjwa abarhanelwa ababini kumatyotyombe aseQunu ngoLwesihlanu, 14 kweyeSilimela 2024.
UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata, uncome intsebenziswano phakathi kweSAPS yaseChatty, eBethelsdorp kunye neYunithi eChasene neMigulukudu (Anti-Gang Unit) ekhokelele ekufumaneni imipu emihlanu kwaze kwabanjwa abarhanelwa ababini kumatyotyombe aseQunu ngoLwesihlanu, 14 kweyeSilimela 2024.
Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesiBhozo ngokuhlwa (20:00), i-SAPS eChatty ifumene ulwazi malunga nokuzama ukubulala, ukubiwa kunye nokukhomba umrhanelwa ngompu kwaye amacandelo axhasayo abizwa ukuba ancedise. Ekufikeni kwabo kwelityotyombeni, kwasetyenzwa ngobuchule laze eli tyotyombe larhangqwa.
Kweli tyotyombe kufunyenwe abarhanelwa ababini (2) abaneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) namashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala. Imipu emihlanu (5) (Revolvers ezimbini, Baby brown kunye ne-2x9mm pistols) kunye neembumbulu ezingaphezulu kwekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe (127) zohlobo olwahlukileyo ziye zafunyanwa ngaphakathi.
Ukongeza kule mipu, amalungu eAnti-Gang Unit aphinde athimba iipilisi zeMandrax ezilukhulu elineshumi elinesihlanu (115) ezifunyenwe kwiyadi yevenkile ekufutshane.
Kukwatyholwa ngelithi abarhanelwa ngamalungu emigulukudu.
Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesiXhenxe (27) ubudala uvalelwe ngezityholo zokuzama ukubulala, ukukhomba ngompu, ukuba neselfowuni ekurhaneleka ukuba ibiwe, ukuba nemipu engavumelekanga nokuba nembumbulu ngokungekho mthethweni lo gama umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala ebekwe ityala lokuba nemipu engavumelekanga nokuba nezixhobo ezingekho mthethweni.
Bazakuvela kwinkundla kamantyi yaseGqeberha ngoLwesibini, 18 kweyeSilimela ngamatyala abo.
UMaj Gen Ncata uthe, ukufunyanwa kwale mipu bubungqina bokuzinikela nokusebenza ngempumelelo kumalungu ethu. Imipu kwizandla ezingalunganga ibeka ingozi enkulu kuluntu lwethu ngoko ke inegalelo kulwaphulo-mthetho olunobundlobongela.
Kunyanzelekile ukuba siqhubeleke siqinisa iinzame zethu zokuhlutha imipu neziyobisi ezingekho mthethweni kwilinge lethu lokubhangisa izenzo zolwaphulo-mthetho.
By Anita Qubula.

