Umbutho weAfrican National Congress (ANC) eMpuma Koloni, ukugxekile ukubulawa kwamalungu awo, abathi “kunempembelelo yezopolitiko.”
UMncedisi Gijana, ilungu lekomiti elawulayo yeANC kumasipala wesithili saseAlfred Nzo, udutyulwe ngaphandle kwekhaya lakhe kwiveki ephelileyo.
Kusenjalo kwingingqi yaseRaymond Mhlaba, uceba weANC uMpho Mahleza naye ubulewe ngaphandle kwekhaya lakhe ngoLwesine.
UGijana ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela KwaBhaca, ebifudula isaziwa njengeMount Frere eMpuma Koloni ngoMgqibelo.
Ukanti ongasekhoyo uGijana uchazwe njengendoda nosapho nomakhi woluntu. Kutyholwa ukuba wayebanjwe ngabahlaseli ababexhobe bef’amacala, benxibe i-balaclavas ngaphambi kokuba adutyulwe ekufikeni kwakhe ekhayeni lakhe.
Sithetha nabeendaba zeSABC isithethi sosapho uMayibongwe Nqeketho uthi usapho lusaxhalabile ngenxa yokubhubha kosopolitiki.
“Sixheleke kakhulu kukusweleka komntakwethu uMncedisi. Asinakukholelwa oku. Yaba ngumnqa. Besingayilindelanga le nto. Ushiye abantwana abaninzi abasebancinci. Oyena mncinci uneminyaka emibini ngoku kwaye ushiye inkosikazi yakhe. Naye usemncinci kakhulu,” utsho uNqeketho kwiSABC
Kusenjalo uYanga Makhogwana, ongusihlalo we-Mthatha Brotherhood Branch, naye ukhale ngokubhubha kukaGijina. Uthi baphulukene nelungu elidlale indima ebonakalayo ekuphakamiseni uluntu lwaKwaBhaca. Esithi ukwabancedile kumasebe ohlukeneyo ngokubacebisa nangendlela athe waqinisekisa ngayo ukuba badlale indima kwiindawo abahlala kuzo ngokufikelela kwabo bangamaxhoba obundlobongela, impatho-gadalala kunye nokuhlukunyezwa okusekelezelwe kwisini, ngakumbi.
Kusenjalo, umbutho weANC kwingingqi yaseAlfred Nzo utyhola ukuba kukho uluhlu olujikelezayo olunamagama amalungu alithoba eANC kuquka nonobhala wengingqi.
Unobhala wale ngingqi uPolelo Mohale uthe kwingxelo ekhutshwe nguSABC kukho uluhlu olujikelezayo kulo mmandla. Esithi kubonakala ngathi umbhali uqalile ukubhala uluhlu ngomhla weshumielinesixhenxe (17) kweyeThupha, njengoko uqabane uGijana wadutyulwa ngoMvulo emva koko. Uthi olu luhlu lunamagama aphambili kwezopolitiko kwaye amanye akhokela kwiBhunga.
UMohale uthe yena nabanye bawela kudidi lwabantu ababonakala “becaphukisa ibali elithile.”
Uthi sele bewavula amatyala emapoliseni asekuhlaleni.
Ilungu le-PEC leANC uNtandokazi Capa uthi bayayiqonda into yokuba umba wolwaphulo-mthetho uxhaphakile ingakumbi kweli phondo. Esithi ke bafuna ukuyigxeka le nto kwaye bakwathumele amazwi ovelwano kusapho.
“Siyi-ANC, siphulukene nenkokeli. Ngala maxesha obunzima, ingakumbi kwiANC, siyazidinga nyani iinkokeli ezifana noqabane uMncedisi. Ibuhlungu kakhulu into yethu njengamalungu eANC.”
Omnye uCeba weANC kuMasipala waseRaymond Mhlaba, uMpho Mahleza, naye udutyulwe ngaphandle kwendlu yakhe eBedford.
Kuwo omabini la matyala, amapolisa aphanda amatyala okubulala.