UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube uvakalise inkxalabo malunga nezinga eliphezulu lokuqweqwediswa kwemali ezikolweni zaseMpuma Koloni. Sithetha nje ukwiphulo lesizwe, lokufunda nokuphulaphula lokuvavanya imingeni elijongene nayo icandelo lezemfundo kunye nokufumana izisombululo.
IMpuma Koloni inezikolo ezingaphaya kwamawaka amahlanu (5 000). Indawo yokuqala yoMphathiswa kwiphulo lakhe kuzwelonke yaba seGqeberha. Lo mmandla ujongene nomceli mngeni omkhulu wezenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nokuqweqwedisa imali esele ixhaphakile ezikolweni.
Ukwacenge iSebe lezeMfundo lePhondo ukuba lisebenzise imali ngendlela eyiyo kwaye liphucule ukufunda nokufundisa, endaweni yokubuyisela le mali kuNondyebo kaZwelonke.
Ukwathe yingxaki ngokwenene kubo. Kwingxelo ekhutshwe yiSABC uthi bashiyeke kanye neentsuku ezingamashumi amane anethoba (49) ukuba kuqale iimviwo zematriki kwaye abanakuba kwimeko apho ootitshala nabafundi baziva bengakhuselekanga kwiindawo abahlala kuzo. “Yinxalenye yesizathu esabangela ukuba sikhethe ukuza eNelson Mandela Bay ngenxa yokuba sinengxaki apha kwiindawo ezithile. Apha eNelson Mandela Bay, ndiye ndazisiwe ukuba kwiSithili sase-O.R Tambo, kukwakho ingxaki enkulu malunga nokuphangwa kwemali ngoonqevu. Sifuna ukwenza icace kwabophuli mthetho ukuba izikolo zethu ziindawo zokhuseleko.”
Kusenjalo uMphathiswa wezeMfundo, uFundile Gade, uvumile ukuba imiqobo yohlahlo lwabiwo-mali kunye nothutho lwabafundi lukwangumngeni omkhulu.
Esithi kufuneka bahlale bekwazi ukuthi enye yeengxaki ezinkulu luthutho lwabafundi. “Malunga namashumi amane (40) abantwana bafuna isithuthi sabafundi ngaphandle kohlahlo lwabiwo-mali. ISebe lezoThutho lisebenza ngokuzimisela ukuthomalalisa (ingxaki).”
UGwarube uzakuqukumbela utyelelo lwakhe lweentsuku ezimbini kwingingqi yaseNelson Mandela Bay ngoLwesibini, phambi kokuba abhekise amabombo eMpumalanga.