Inkonzo yesipolisa yoMzantsi Afrika ikhuphe ingxelo yokuba, iphulo i-Operation Shanela libonakala liyinkqubo eyimpumelelo yokulwa ulwaphulo-mthetho kwiphondo leMpuma Koloni nanjengoko kuthathwe imipu engekho mthethweni engamashumi amathathu anesithandathu (36) kwaza kwabanjwa abarhanelwa abangamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu anesihlanu (765) ngamatyala afana nokubulala, ukudlwengula, ukukhuthuza (ushishino nelokuhlala), ukubiwa kwezithuthi, ukuba neemoto. iziyobisi ezingekho mthethweni, kunye nokurhweba ngabantu phakathi kwezinye zezinto, phakathi komhla wamashumi amabini anesithandathu (26) keeyeThupha kunye nomhlawokuqala (1) kweyoMsintsi kulo umiyo.
Amapolisa athi ubunzulu bala misebenzi yeveki neveki buneziphumo ezincumisayo, ingakumbi xa kuthethwa ngokufunyanwa kwemipu engenamaphepha-mvume. Kwimipu engamashumi amathathu anesithandathu (36) eyohluthiweyo kweli phondo, iSithili iNelson Mandela sishicilele imipu engamashumi amabini anesibini (22) efunyenweyo ngeli xesha, kunye ne-OR Tambo eshicilele imipu esibhozo (8).
Bathi iinzame ezihlangeneyo zokulwa ulwaphulo-mthetho ngoncedo oluvela kwezinye ii-arhente zogcino-mthetho zinempembelelo kwiphondo, ngamanyathelo angama-65 987 ashicilelweyo athe aqhutywa ngamajoni ahamba ngeenyawo, kunye namaphulo angamashumi amathathu anesibhozo (38) okuxinana okuphezulu athe aqhutywa kwiphondo.
Eminye yemisebenzi ephawulekayo:
· Iindawo zokuhlola izithuthi – 661
· Imiqobo yendlela nogqogqo lamaplisa – 36
· Ukulandelela imisebenzi – 52
· Inani labantu abakhangelweyo – 21 647
· Iindawo ezithengisa utywala ezineelayisenisi zihlolwe ukuba ziyathotyelwa na – 1 679
Ukubanjwa okuqaphelekayo:
· Ukutyeshela uMthetho woLawulo lweMipu – 23
· Ukuba nemipu ngokungekho mthethweni – 36
· Ukuba nembumbulu ngokungekho mthethweni – 12
· Ukusebenzisa nokuba neziyobisi ezingekho mthethweni – 33
· Ukuba neziyobisi – 106
· Ukuthengisa utywala ngaphandle kwelayisensi (izohlwayo) – 20
· Ukubulala – 22
· Ukuqhuba unxilile – 22
· Uhlaselo ngenjongo yokwenzakalisa umzimba kabuhlungu – 186
Uhlaselo oluqhelekileyo – 79
· Ukurhweba ngabantu – 09
· Abangeneleli ngokungekho mthethweni – 09
Amalungu ngentsebenziswano upneSebe lezamaHlathi, ukuLoba nokusiNgqongileyo akwazile ukubacinezela abazingeli be-abalone, kwaye afumana iiyunithi ze-abalone ezingama-261. Amapolisa athathe iilitha ezingama-558 zotywala kwiishibhini ezimbini ebezivaliwe.
Umkomishinala wephondo uNjengele Nomthetheleli Mene uthe, “Sizama kakhulu ukulwa ulwaphulo-mthetho kweli phondo, kodwa siyawazi umceli mngeni okhoyo kweli phondo, kukuphumelela idabi lokuhlawula imali yokhuseleko (Protection Fee) okuxhaphakileyo eyaziwa ngokuba “yimirhumo yokhuseleko”. Siyacela kubahlali ukuba bazichaze ezi ziganeko kumnxeba wethu weProvincial Extortion 082 387 1561”, wongeze watsho uLt Gen Mene.