Kubulewe intwazana eneminyaka emithandathu ngokungenalusini eMdantsane

Amapolisa aseMonti avakalise umothuko wawo kulandela ukubhaqwa komzimba womntwana usongelwe kwingxowa yeplastiki. Kutyholwa ukuba uSkholiwe Mahleka oneminyaka emithandathu ubudala waxhwilwa, wagetyengwa ngokungenalusini, mhlawumbi wadlwengulwa.

Umzimba wakhe ufunyenwe phantsi kwebhedi eNU13 eMdantsane kwiintsuku ezimbini emva kokuba kuthiwe ulahlekile.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi umrhanelwa wodlwengulo uzakuqinisekiswa xa sele kwenziwe uvavanyo lomzimba.

Uthi amapolisa athunyelwe kule ndlu emva kokuba uluntu luhlangene lukhangela umntwana olahlekileyo.

Imeko yayinobutshaba, kangangokuba amapolisa agcina i-backup kwakufuneka athunyelwe kwindawo yesigameko.

“Akungena amapolisa endlwini, kwafunyanwa indoda eyenzakele kakhulu.

UNaidu uthi amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala; lomntwana kunye nomtyholwa wagetyengwa wabulawa ngabahlali.

‘Ukuphaphela nokufundisa kubalulekile ekukhuseleni abantwana bethu kubantu abaxhaphaza abantwana ngokwesini. Ngelixa iimvakalelo ziphakama, kubalulekile ukugxininisa ukuba ukuhlala uphaphile ayisosisombululo. Umthetho kufuneka wongamele kwaye siyalugxeka naluphi na uhlobo lobundlobongela,” utshilo umkomishinala wamapolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
88 %
1.9kmh
98 %
Sun
17 °
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
31 °
Thu
33 °

EZITHANDWAYO INDABA