Kubhubhe abantu abane kwenye ingozi eyenzeke kwiindlela zeMpuma Koloni.
Othethe egameni lezendlela ephondweni u-Unathi Bhinqose uthi le ngozi yenzeke ngentsimbi yesibini kusasa ngoLwesihlanu kuhola wendlela uN9 phakathi kweAberdeen neWillowmore.
Uthi ilori ibisingise eWillowmore logama iteksi ibikhwele abantu abalishumi elinesithandathu isiya eKapa.
UBhinqose uthi amadoda amabini kunye namakhosikazi amabini abebekwiteksi babhubhele kwindawo yexhwayelo logama abantu abonzakeleyo besiwe esibhedlele saseGraaff Reinet.
Uthi umqhubi weloli kunye neteksi usindile kwaye uzakube ejongene netyala lokubulala ngokungenanjongo.
Liqale kakubi ixesha leeholide zokuphela konyaka kweli leMpuma Koloni nanjengoko kubhubhe abantu abangamashumi amabini anesibini ukusukela ngomhla wokuqala kwinyanga yoMnga.
Amagama ababhubhileyo akakaziwa.

