Kubulewe ixhegokazi (88) ngaphandle kweSixeko saKuGompo

Amapolisa abambe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ubudala ngokunxulumene nokubulawa kwebhinqa elineminyaka engamashumi asibhozo anesibhozo (88) ubudala kwindawo yasePhozi, ngaphandle kwaKuGompo

Isithethi samapolisa uColonel Siphokazi Mawisa uthe ixhegokazi lifunyenwe libhubhile emva kwesiganeko sobundlobongela kusasa ngeCawa umhla wesithandathu (6) kweyoMsintsi.

Uthe amapolisa alandele ngokukhawuleza aze abamba umrhanelwa ngoncedo lwamalungu oluntu.

Kulindeleke ukuba umrhanelwa avele okokuqala kwiNkundla kaMantshi yaKuGompo ngoLwesibini umhla wesibhozo (8) kweyoMsintsi.

Okwangoku, uSodolophu waseBuffalo City uNkosazana Faku usigxekile esisehlo.

“Siyasigxeka esisenzo sobundlongondlongo nesingenantliziyo ngamandla. Akukho sizathu sobundlobongela nxamnye nexhegokazi okanye naliphi na ilungu loluntu lwethu. Ukudlwengulwa nokubulawa kukamakhulu oneminyaka engamashumi asibhozo anesibhozo (88) ubudala kukuhlaselwa kungekuphela nje kuye, kodwa nakwixabiso lobuntu, isidima kunye nentlonipho ekufuneka ixhase uluntu lwethu,” utshilo.

UKhomishinala wePhondo laseMpuma Koloni uLieutenant General Vuyisile Ncata uncome iqela eliphandayo kunye namalungu oluntu ngokuphendula ngokukhawuleza kunye nemizamo ekhokelele ekubanjweni komrhanelwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
23 ° C
23 °
23 °
50 %
5.9kmh
0 %
Mon
21 °
Tue
30 °
Wed
32 °
Thu
28 °
Fri
19 °

EZITHANDWAYO INDABA