Abahlali base-Leasches Bay izolo bachole usana phambi kwendlu lushiywe ngunina walo.
Abahlali bakwindawo yase-Leasches Bay izolo eMonti bachole usana olusebomvu krwee phambi komnyango wendlu, laze labhaqwa malunga nemizuzu engamashumi amathathu emva kwentsimbi yesine (16:30).
Kuvakala ukuba unina wolusana ulivasile olusana ze walifaka eplastikini walishiya phambi kwalendlu.
Isithethi samaPolisa kwisikhululo iFleet Street eMonti, uKapteni Hazel Mqala ungqinile ukuba umntwana oseyimveku ekubonakala ukuba uneentsuku esandokuzalwa ubonwe ngumhambi ndlela eLeasches Bay ze wanxulumana namapolisa.
Umntwana uyaphila kwaye ityala lokulahlwa komntwana livuliwe, nophando luyaqhuba.

