I-SADTU iyamchasa uGwarube okhokela uMphathiswa weMfundo esiSiseko.

Umbutho wootishala boMzantsi Afrika (i-SADTU) uvakalise inkcaso yawo kwiDemocratic Alliance (DA) ekhokela iSebe leMfundo esiSiseko.

Oku kulandela ukuchongwa kwelungu leDA ePalamente uSiviwe Gwarube kwesi sikhundla. Ikhabhinethi entsha, ebunjwe phantsi koRhulumente weSizwe woManyano (GNU), inabaphathiswa abangamashumi amathathu anesibini kunye namasekela baphathiswa abangamashumi amane anesine (43).

I-SADTU ivakalise inkxalabo malunga nemigaqo-nkqubo yezemfundo yeDA nento abayibiza ngokuba sisenzo sombutho esichasene nabasebenzi. Isithethi seSADTU uNomusa Cembi uthi, “Ngokwembali zange khe savana neDA, kuba imigaqo-nkqubo yayo ibichasene nemibutho yabasebenzi. Kudala, iDA ibingakholelwa ukuba imibutho yabasebenzi inelungelo lokubakho.”

“Basoloko besityhola ngokuchasa imfundo yeli lizwe, ukuba siphethe imfundo, silawula isebe lezemfundo nabaphathiswa bonke,” wongeze watsho uCembi.

Umongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze ikhabhinethi yakhe kulandela uthethathethwano namaqela alishumi nanye (11) ewonke athe aseka urhulumente wobumbano lwesizwe. UMongameli Ramaphosa ubhengeze isiGqeba sakhe seSizwe samaqela ngamaqela emva konyulo.

 

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA