Ibala lezemidlalo iZwide ihlinzeka izikolo ezine namhlanje kumbhoxo.
Namhlanje kudlalwa imidlalo emibini (2) yezikolo kumbhoxo, ezi izikolo zidlalayo zizikolo ezizondanayo embhoxweni, ezimbini zezakwilokishi yaseNew Brighton, ezinye zezakwilokishi yaseZwide eGqeberha.
Ezi zikolo zine (4) zamabanga aphakamileyo kwiilokishi zaseGqeberha yiCaweni, isikolo esidumileyo nesidala kwilokishi yaseNew Brighton eGqeberha, esi sikolo esizinze kwisitalato iMadala. Kufunde abantu abaziwayo kwesisikolo apho singabalula owayesakuba ngumongameli welizwe loMzantsi Afrika uThabo Mbeki.
Ese sibini (2) isikolo sesamabanga aphakamileyo iLoyiso nezinze kwisitalato iJali kwilokishi yaseZwide, esisikolo sasidume kakhulu ngombhoxo nalapho sinokubalula umfundi owaziwayo nowafunda kuso nowayedlala edume kwilizwe jikelele noyinzalelwane yakwilokishi yaseNew Brighton uSolly Tyibilika ongasekhoyo ngoku, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngonaphakade, Amen, uSolly wayedlalela iGriquas .
Isikolo esilandelayo sesamabanga aphakamileyo kwilokishi iNew Brighton nesizinze kwisitalato iJolobe, umntu owaziwayo owayefunda kwesisikolo ngowayesakuba ngutishala nowaduma kakhulu njengomsasazi ophume izandla uDumile Matheza ongasekhoyo kweli limagad’ ahlabayo, anga umphefumlo wakhe ungalala ngoxolo kude kube ngunaphakade, Amen. UDumile wayesasaza amanqindi kumabonakude, usasazile kwibhola ekhatywayo nombhoxo nezinye kuMhlobo Wenene. Enye yezinto ibisaziwa ngayo iNewwell ngumculo weekwayala.
Esesine (4) isikolo sesamabanga aphakamileyo iKwazakhele nesizinze kwilokishi yakwaZakhele, ubudlalwa ngamandla umbhoxo kwesisikolo.
Lamaqela mane (4) abotshwe ngokokuzondana kwawo kwezilokishi zombini (2), iCawen iqubisana neNewwell, iLoyiso yona idlale neKwaZakhele.
Lemidlalo idlalwa namhlanje umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeSilimela ngalentsasa ngentsimbi yethoba (09h00) kumabala iZwide.
By Siphiwo Boqwana

