Kudutyulwe indoda ebityholwa ngokufuna imali yokhuselo (Pretecction fee) kuCentane

Kwiphulo lobuntlola obuqhutywa yiCrime Intelligence ngoncedo lwamalungu aphantsi kweNational Intervention Unit, balandele iinkcukacha zomntu ekutyholwa ukuba ubandakanyeka ekufuneni imali yokhuselo  (Protection fee) kuCentane ngoLwesine.

Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba umrhanelwa ebefuna imali yokhuseleko kwiindawo zoshishino kumbindi kuCentane. Xa ephuma edolophini, kubonwe isithuthi esichongiweyo kweze kwazanywa ukuyimisa. Uye wema qelele emapoliseni waphuma. Wawukhupha umpu waze waqalisa ukudubula emapoliseni. Ukudubulana kuye kwakhokelela ekubulaweni komfana oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala, kwaye akukho polisa lonzakeleyo ngexesha lesi sehlo.

Emva kophando Amapolisa afumene umpu (9mm) onenombolo yothotho efakiweyo, ivesti yokuthintela iimbumbulu kunye nesithuthi sakhe siye sathinjwa ngamaPolisa.

Ityala lokuzama ukubulala kunye nelokuphanda livuliwe ukuze kuphandwe. Ityala liza kugqithiselwa kwiCandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) ukuze kuphandwe ngakumbi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.1 ° C
17.1 °
17.1 °
87 %
1.2kmh
94 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA