I-PRASA yazisa ngeNkonzo kaLoliwe ekhethekileyo ukuya kuMdyarho wamaHashe iBerlin November.

I-Arhente kaLoliwe iPassenger Rail Agency of South Africa (PRASA) isebenzisana neLegends Gaming Promotion ibhengeze inkonzo ekhethekileyo yothutho ezakuthutha abantu abafuna ukuyozimasa umsitho woMdyarho wamaHashe eNtabozuko (Berlin November) ozayo, eza kuqhubeka ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyeNkanga 2024 eMonti. Eli nyathelo lijolise ekunciphiseni ukuxinana kwezithuthi kunye nokuqinisekisa ukufikelela ngokukhuselekileyo kwindawo yomsitho yamawaka ngamawaka abantu abazakuzimasa.

IMetrorail yeMpuma Kapa iza kuqhuba inkonzo kaloliwe ezinikeleyo esuka eMonti ukuya kwisikhululo saseNtabozuko (Berlin) ngentsimbi yeshumi elinesihlanu ekuseni, uhambo olubuyayo luhlelelwe intsimbi yeshumi elinanye (23:00) ebusuku. Ukongeza, iibhasi ezithuthayo ziza kubaleka ukusuka kwisikhululo saseBerlin ukuya kwibala lomdyarho, ngelixa iPark-and-Ride izakufumaneka kwizikhululo zaseMonti naseFort Jackson. Abanini tikiti bazakunikwa iinqwelo zasimahla, kwaye abakhweli banokukhwela nakwizikhululo zaseVincent naseMdantsane ngokunjalo.

Abantu abaya kulo misitho baza kuzonwabisa ngqo kuloliwe, kuzakubakho igcisa eliphumelele imbhasa kumculo weVangeki uBetusile Mcinga. Olu lonwabo luzakuqhuba de kufikwe kwibala lomdyarho, kuzakube kukho neemvumi ezidumileyo zasephondweni ezifana noZuko-SA, uLindoh Mtangayi, no-Ikhona, kwakunye neemvumi zelizwe uLady Zamar noTshedi weMalaika.

ULuthando Bara, umseki woMdyarho wamaHashe iBerlin November, uthi “Intsebenziswano yethu ne-PRASA iphawula isiganeko esibalulekileyo kulo msitho. Le nkonzo izinikeleyo ayiphuculi nje kuphela amava abantu abazileyo kodwa igxininisa ukuzinikela kwethu kukhuseleko ezindleleni nokufikeleleka, ukunciphisa ingxinano kunye nokuqinisekisa umsitho owonwabisa ngakumbi kumntu wonke.”

Umphathi obambeleyo wePRASA kuMmandla weMetrorail eMpuma Kapa, uTerra Nongqongqo, ubalule wathi, “Esi sisiganeko sokuqala apho sinokubonisa indima yethu ebalulekileyo njengenkonzo yezothutho enkulu kwiphondo.”

Ukuze ufumane amava angalibalekiyo, iBerlin November 2024 ithembisa impelaveki yemibhiyozo, ivale ngeCawe ngeGospel Send-Off equka amagcisa esizwe uThinah Zungu kunye neNcadweni Christ Ambassadors. Amatikiti omsitho ayafumaneka eTicketpro, kwaSpar, nakwiivenkile zePayzone ngeR220. Abazimasi bayakhuthazwa ukuba bafike kwimizuzu engamashumi amathathu (30) ngaphambi kokuba uloliwe uhambe ukuya eNtabozuko.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA