14.3 C
King William's Town
Sunday, October 5, 2025

Kudutyulwe kwabukawa abantu abane(4) eGqeberha

UMkomishinala wePhondo leMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene uyalele ukuba kusetyenzwe ngokuzimisela kwamapolisa sithuba seeyure ezingamashumi asixhenxe anesibini ukuze kukhangelwe kwaye kufunyanwe babanjwe abarhanelwa abangamadoda abane, abadubule abulala abantu abane(4) logama beshiye bengxwelerhe abahlanu(5) nabalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane ukuze bafumane unyango. Oku kwenzeke  emva nje kobusuku bomhla we12 May 2022 eBethelsdorp, eGqeberha.

Ngokwengxelo evela kwinkonzo yesipolisa, abantu abalithoba(9) bebehleli bezincokolela ngasegaraji ngethuba kufika iimoto ezimbini ezithe zamisa phambi kwendlu. Kuthe kusenjalo kwaphuma amadoda amane ezigqume ubuso, besehla kwizithuthi zabo bangena esangweni. Kuvakala ukuba baye bohlula eliqela labantu kubini emva koko baqala ukubadubula bolithoba.

Abane abangaziwayo babhubhele kwindawo yexhwayelo ngelixa abahlanu abaphakathi kweminyaka eyi 29 ukuya ku31 bonzakele kwaye babalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane ukuze bafumane unyango.

Iimeko ezijikeleze esi sehlo ziphantsi kophando. Amatyala amane okubulala kunye namahlanu awokubulala abhalisiwe. Akukabanjwa mntu okwangoku.

I-SAPS icela nabani na onokuba nolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa, ukuba aqhagamshelane nesikhululo samapolisa esikufutshane okanye atsalele umnxeba kule nombolo iCrime Stop ethi 08 600 10 111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
54 %
4.6kmh
11 %
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
25 °
Thu
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks