16 C
King William's Town
Sunday, October 13, 2024

Usuku lokubhiyozela amanesi okanye abongikazi kuzwelonke

Nanjengoko namhlanje ilusuku lwama nesi/abongikazi uNobom Bhobotyana Nini uthi uthando ukuthobeka ubizo kwakunye nokuthanda abantu zezona zinto ezenza umsebenzi wama nesi ubeyimpumelelo.

UNobom Bhobotyana Nini yinzalelwane yaseCumakala kwilali yaseMgwali kwa namba 6 kwiphondo leMpuma koloni kwaye uneminyaka engamashumi amahlanu anesithathu ubudala(53) ezelwe.

UNini sele eneminyaka eyi(26) esebenza njengomongikazi nanjengoko waqala ukuqeqeshelwa ukuba yi nesi ngo1992 ukuya ku1994 kwaye ukwanguye nomlawuli we klinikhi ebizwa ngoba yi Unjani Clinic nezinze eReeston eDice eMonti.

Eligqala kwezempilo lithi lisebenzile kumacandelo ohlukeneyo kwisebe lezempilo kwaye ukhe wabamba nakwizikhundla eziphezulu kwi klinikhi ezithile zephondo leMpuma koloni. Lomakhwekhwetha kwezempilo uthi ukhe wasebenza na kwiphondo lase Rhawutini pha kwiminyaka yo 1996 ngaphambi kokuba abuyele kwiphondo lempuma koloni ekuqaleni kweminyaka yo 2000.

UNini uthi usebenzile kwi klinikhi nakwizibhedlele zabucala kuquka nezo zika wonke wonke. Usebenzile kwi klinikhi ezifana nayese Mpilweni ku Gompo eMonti kwaye usebenzile nase Mooiplaas nase Cumakala ukanti sele esuka ukuyosebenza nase Rhini. UNini uthi elona candelo asebenze kakhulu kulo lelacandelo elibizwa ngokuba yi Emergency apho abantu abagula kakhulu bekhathalelwa khona. Uthi eyona nto eyenza umsebenzi wamanesi ubeyimpumelelo kukuthanda abantu, ukuthobeka kwakunye nokuba nobizo lokuba ngu Mongikazi.

Uthi enye ye zinto eyenza kungcoliseke igama lama nesi kukuba ngoku akusajongwa ukuba umntu unobizo okanye uyabathanda abantu koko sele kuqeshwa ngokuba nekhephe khephe lezemfundo nto leyo ebangela ukuba kuqeshwe abantu abangenalo ubizo koko baqashwa kuba befundile. Uqhuba ngelithi zinintsi ingxaki ezenza amanesi kuthiwe akrwada kuquka isimilo okanye uxinzelelo kumanesi nokunqongophala kwamanesi awoneleyo. UNini uthi urhulumente angathi ancedisane nabo bazivulela iklinikhi zabucala kuba bezama ukuphungula umthamo ngoba kuyagcwala kumaziko eze mpilo. Ukwakhuthaza nabahlali ukuba bayinakekele impilo yabo bangaqali uthatha amayeza sele begula kakhulu.

UNini ukwabongaza abantu ukuba bagonye ngoba uthi isigonyo sentsholongwane ye Corona ayisesokuqala ufika nezinye bezike zafika ngaphambili qha esi kuthethwe ngaso kakhulu sele wonke ubani efikelela kwi internet yiyo lonto abantu benoloyiko kuba bebona izinto ezithethwa kumakhasi ezonxibelelwano. UNini ukwathi amanesi ajongene nemiceli mngeni efana nokunqaba kwabasebenzi, ukusebenza ixesha elide, ukwenyuka kwezifo kwakunye nezinto ezifana nemali nothando oluphelayo kubongikazi. Loka Nini uvale ngelithi bayilwile imfazwe kanogumbe ngexesha le Corona benoloyiko kunjalo.

Ingxelo: King Mfundisi

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
16 ° C
16 °
16 °
93 %
3.1kmh
15 %
Sun
31 °
Mon
18 °
Tue
18 °
Wed
31 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks