Kudutyulwe kwabulawa abantu abasixhenxe ngokungenalusini

UMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheleli Mene usigxeke kabukhali isenzo esimanyumnyezi nesingenangqiqo sabantu abasixhenxe (7), kuquka nomntwana oneminyaka esibhozo (8 )ubudala ababulelwe ngentseni yanamhlanje, umhla weshumi elinethoba (19) kuCanzibe.

Amapolisa afumene ulwazi ngentseni yanamhlanje ngeziganeko zokudutyulwa kwabantu abaninzi kwindawo yaseNxanxashe kuGatyane apho abantu abathandathu (6), abngamadoda aquka umntwana kunye nebhinqa, badutyulwe ngokungenalusini kwimoto yabo yohlobo oluyiMazda 3, ngelixa omnye umntu efunyenwe ebhubhile malunga nomgama okude kwimoto yohlobo lweToyota Fortuner. Amapolisa akwafumene, kude kufuphi nendawo zomibini, iVW Polo ishiywe inamabala egazi.

Abantu ababhubhileyo baphakathi kweminyaka esibhozo (8) kunye namashumi amane anesihlanu (45)ubudala. Injongo yoludubulo iphantsi kophando kwaye akukabikho mntu ubanjiweyo okwangoku. Amagama ababhubhileyo ayaqinisekiswa kwaye aya kukhutshwa xa izalamane zabo zazisiwe.

ICandelo loPhando loLwaphulo-mthetho loluNtu noBundlobongela kwiPhondo liza kuphanda ngamatyala okubulala asixhenxe.

UNjengele Mene ubongoza nabani na onolwazi malunga nezi zigebenga ukuba eze ngaphambili azokuncedisa kuphando. Ukwathe, Iqela labacuphi abanamava liza kusebenza ngokuzimisela ukufumanisa inyani emva koku kubulala kungekho ngqiqweni kwaye bazibophelele ekuboneleleni ngezibonelelo eziyimfuneko kunye nenkxaso ukuqinisekisa ngophando olucokisekileyo nolukhawulezayo. Uvale ngelithi Inqanaba elinje lobundlobongela alinandawo kuluntu, kwaye kunyanzelekile ukuba kumanyanwe ukulwa ulwaphulo-mthetho olunjalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA