Ingingqi yeSAFA Vhembe inikwe unqamla juqu

UPercy Murei uthethe okokuqala emva kokuba wathi watyholwa kwigumgedle lesityholo sokuthengiswa komdlalo kwiphondo iLimpopo phantsi kweSAFA Vhembe.

UPercy ongunompempe weSAFA Vhembe kwiphondo laseLimpopo, utyholwa kwakunye nabancedisi bakhe ebebekunye kumdlalo abatyholwa kuwo ngomhla weshumi elinanye(11) kulenyanga kaCanzibe, uzityande igala okokuqala malunga nalomba.

Abancedisi bakhe natyholwa nabo, nguVhuhwavho Mathuli noRivhathihi Malima, esi sithathu sityholwa ngokubiza inali engangeR1800 kubaphathi beqela elalidlala ngalomini. Usompempe uMurei uthi akukho kwanto awayenzayo engalungaga ngalamhla, kananjalo utsho esongela umbutho webhola ekhatywayo ISAFA ukuba uba abaceli xolo ebantwini bonke bayazi ukuba yena akadibananga nalento, uthe uzakubathathela amanyathelo asemthethweni.

Ngokwengxelo ekhutshwe yiSAFA lamagosa mathathu(3) azama into yokuba anyotywe ngemali engangamakhulu anathandathu(R600) igosa ngalinye ukuba bafuna ukuba umdlalo uhambe ngendlela abayifunayo.

Ebalisa losompempe uthe yena uye wayokulanda abancedisi bakhe kwindawo yokwetha ipetula, bathe besendleleni kwamana kukhala umakhala ekhukhwini womnye wabancedisi efonelwa ngumntu amazi yedwa.

UPercy uqhubekile ebalisa okwenzekileyo nalapho athe lomncedisi wakhe ogama linguVhuhwavho uye ethubeni sekukudala wamcela ukuba ancede adibane nomntu okwimoto eyiFord Ranger yena apake ngaphandle kwendlela. Uye waphinda wamyelela ukuba apake ngakwimoto ethile kodwa yena akavuma, ngoko nangoko lomncedisi kasompempe uye waphuma wayokuchitha imizuzu elishumi wabuya sele esithi umnini qela iMasakona Real Citizens uthethe nonobhala wenginqi yeSAFA Vhembe uSam Matodzi.

Ngokwengxelo kaNompempe umnini qela iMasakona Real Citizens uye weza wangena kulemoto bakuyo wabuza kuye ukuba bafuna malini ukuze benze inzame zokuba bayaphumelela noba kumnyama entla, uPercy utyhola ngelithi yena khange aphendule usuke wahleka kodwa waqhubeka ethetha nabancedisi bakhe.

Kungoku nje ingingqi yeSAFA Vhembe inikwe unqamla juqu ukuba icele uxolo kungenjalo ijongane nengalo yomthetho. Kuyavakala ukuba umlo wangaphakathi kulengingqi yeSAFA awuqali ngoku sebevela kumangalelwa nakwiFIFA ngokunqumamisa amagosa.

La magosa mathathu asamisiwe de kubekwe umhla wokujongana nesigqeba soluleko. Lo mdlalo batyholwa ngawo lamagosa wawuphakathi kweMasakona Real Citizens neMashau Pull Together.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA