Kudutyulwe kwabulawa abantu abathathu kuquka inkwenkwe esencinci eMitchells Plain

By Nyameka Lamani

Kudutyulwe kwabulawa abantu abathathu nenkwenkwe eneminyaka elithoba(9)eMitchells Plain ngobusuku bangoLwesibini umhla wesibini kweyoMnga ka 2025.Amadoda amabini, aneminyaka engamashumi amahlanu ananye(51) namashumi amathathu anesithandathu(36), onzakele kakhulu kwaye aleqiswa esibhedlele ukuze afumane unyango olungxamisekileyo.

Amapolisa aqalise uphando olunzulu ukubamba abarhanelwa ababandakanyeka kwesi senzo sobundlobongela. Iingxelo zakuqala zibonisa ukuba abantu abane(4) abangaziwayo bavulele iimbimbulu kwipropathi ngaphambi kokuba bangene endlini badubule amaxhoba. Abecuphi abavela kwicandelo elilwa nemigulukudu (Anti-Gang Unit)baphethe uphando kwaye balandela nawuphi na umkhondo onokwenza kufumaneke abenzi bobubi.

ULieutenant General Thembisile Patekile, umkomishinala wephondo leNtshona Koloni, usigxekile esi siganeko sokudubula kwaye ubonise ukuzinikela kwamapolisa ekulweni ubundlobongela bemigulukudu. Usibize isihlaselo njengobugwala nokungabi nangqondo, ethembisa ukuba abo babandakanyekayo abayi kusinda esohlwayweni. UPatekile ulumkise amalungu emigulukudu ukuba iintsuku zawo zokubangela uloyiko zibaliwe, kwaye abasemthethweni bazakuthatha onke amanyathelo ayimfuneko ukubazisa phambi kobulungisa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
40 %
7.7kmh
21 %
Mon
20 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA