Kudutyulwe kwabulawa amadoda amathathu nje emva kokuphuma enkundleni yaseKZN.

Abantu abathathu badutyulwe babhubha eMtwalume kunxweme loMzantsi KwaZulu-Natal ngentsasa yangoLwesine.

Isithethi samapolisa uBrigadier Jay Naicker uthe amaxhoba, angaziwa iminyaka yawo okwangoku, adutyulwe ngendlela emasikizi ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa namhlanje.

“Kukholeleka ukuba umqhubi nabakhweli bakhe ababini bebesandula ukuphuma kwinkundla yasekuhlaleni beza kungena kuhola wendlela ngethuba bevalelwa ekoneni ngabarhanelwa ebebehamba ngezithuthi ezimbini. Abarhanelwa bavulele ngembumbulu kwisithuthi, ze bababulala bobathathu ngoko nangoko, phambi kokuba babaleke kwindawo yexhwayelo.

UNaicker uthe kutyholwa ukuba aba babhubhileyo baphangwe nemipu yabo.

“Isizathu sohlaselo asikacaci ngeli xesha kwaye abacuphi baseHibberdene bahlola ukubulawa kwabantu abathathu.”

Kwisiganeko esifana nesi, eNtshona Koloni kunyaka ophelileyo, kwabulawa owasetyhini kufutshane nenkundla kaMantyi eWynberg ngoMeyi ka2023.

Isithethi samapolisa uMalcolm Pojie uthe ngelo xesha abecuphi babephanda ngokubulawa kufutshane nekona yeCawe eWynberg.

“Iingxelo zokuqala zadiza ukuba umfi (owasetyhini) ongaziwayo wayehamba esitratweni kufutshane nenkundla ngethuba efikelwa ngababntu bephethe oombayimbayi bamdubula bamenzakalisa. Waye wanikezela kukwenzakala kwindawo yexhwayelo kwaye wabhengezwa njengofileyo ngabasebenzi bezonyango.”

U-Shamila Nicholas we-CPF yaseWynberg uthe ixhoba bekukholelwa ukuba lalizimase ityala lenkundla apho lalingqina khona, kwaye lalandelwa ngaphandle kwenkundla.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
73 %
1.8kmh
0 %
Wed
31 °
Thu
31 °
Fri
33 °
Sat
22 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA