Abacuphi baseMonti bazingela abarhanelwa ababini abadubule bengxwelerha igqwetha eVincent ngentsasa yangoLwesihlanu.
Ngokutsho kwamapolisa, igqwetha elineminyaka engamashumi asixhenxe lalizakungena eofisini yalo ngentsimbi ye-09:48, ngethuba abarhanelwa beza kulo badubula izihlandlo ezininzi.
Lendoda ibisebenza eMaseti Incorporated.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi wonzakele kumzimba wakhe ongasentla kwaye wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.
“Abarhanelwa babaleke ngemoto yohlobo lweMercedes Benz esiliva.
“Amapolisa aphanda ityala lokuzama ukubulala, kwaye akukabanjwa mntu,” utshilo.
Abeendaba baxelelwe ukuba omnye wabenzi bobubi kutyholwa ukuba ebenxibe iyunifomu yamapolisa.
Abantu abebetyelele le ndawo yamagqwetha baye bajikiswa njengoko amapolisa eqokelela ubungqina kwindawo yexhwayelo.
Eli libali elikhulayo.

