16.8 C
King William's Town
Wednesday, December 4, 2024

Kufunyenwe(120) yeegusha ebezibiwe ngamadoda abekhwele amahashi eSterkspruit

UMkomishinala wePhondo, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, uziqhwabele izandla iinzame zamalungu athe asebenzisa ulwazi oluqhutywa ngobuntlola oluye lwakhokelela ekufumaneni iigusha ezilikhulu elinamashumi amabini(120) ezibiwe phezu kweentaba zePhelandaba eSterkspruit ngentsasa yangeCawe, umhla we(17 April 2022)

Ngalo mhla ukhankanyiweyo, amalungu asekuhlaleni kunye nePhondo kwiCandelo lokubiwa kweMfuyo kunye neNdalo eseMngciphekweni wokuTshabalala athathe amanyathelo malunga neenkcukacha zamadoda angaziwayo, abonwe ekhwele amahashe esalusa umhlambi weegusha esingise ematyholweni eSterkspruit. Ngentsasa yangoMvulo, umhla we(18 April 2022) igqiza labecuphi likwazile ukulandela lomkhondo laze lafumana umhlambi weegusha eziy(120) zifihlwe apho,phezu kweentaba zePhelandaba ngaphandle kweSterkspruit.

Ixabiso lezigusha eliqikelelwayo nguR240 000. Uphando lokuqala luveze ukuba lohlambi ubiwe kwifama eseBarkly East.

Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi olungakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi oqhuba uphando ku-071 352 5001. Ulwazi lungathunyelwa ku-Crime Stop ku-08600 10111.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
16.8 ° C
16.8 °
16.8 °
92 %
2.2kmh
100 %
Tue
17 °
Wed
25 °
Thu
21 °
Fri
29 °
Sat
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks