IDLWENGULWE YAKROLONQWA AMEHLO INTWAZANA YASE MAXESIBENI OKANYE MOUNT AYLIFF ENA 15YRS UBUDALA NGOSUKU LWEPASIKA:
Aziyeki ukuphalala inyembezi emehlweni am kwezintsuku, ngosuku lwe Good Friday yalonyaka iintwazanana ena 15yrs yase Cabazana nebizakudibanisa 16yrs kulo June walonyaka iye yahlaselwa ngumntu oyindoda wayidlwengula.
Emva kokuyidlwengula uye wayixhimfa ngesitshetshe / imela eyikrolonqa amehlo👀wayilimaza.
Ngokwengxelo yekhaya nebendithetha nalo namhlanje kuphawuleka ukuthi elinye imehlo ifike esibhedlele lingasekho kuyo nalapho kucingeleka ukuthi lishiyeke phaya kulandawo yesehlo, elesibini kufumaniseke ukuthi liyajinga kwaye selonakele nemithambo yonzakele.
Kuye kwanyanzeleka ukuthi LISUSWE ELIMEHLO, ngoku olusana lomntu lushiyeka lungazokuphinda libone ngamehlo.
Iyakuhlala isisilonda sanaphakade lento kuba ngoku lomntana akazokuphinda akwazi ukuzihambela.
Ziye zaphalala inyembezi kusasanje andakwazi kuzibamba, NDALILA kungekho mntu onondithuthuzela kwade kwanyanzeleka ndikhuphe i motor ecaleni.
NDONZAKELE KAKHULU kuba ndiqinisekile ebekhala lomntana ecela uxolo engonanga, phofu ke umkhondo uzakuvela ndifunga u Mampinga umama elele emangcwabeni ezantsi kwesikolo.
GET WELL MNTANAM NOBA LE AKUZOKUPHINDA UBONE NGAMEHLO.
Issued by Khula Community Dev. Project EC.
PETROS MAJOLA
18th April 2022