Kugetyengwe kwabulawa uCeba eDutywa

Ibhunga loMaspala waseMbhashe luvakalise umothuko kulandela iindaba ezibuhlungu, zokudutyulwa kubulawe uCeba izolo.

Iingxelo ezingqonge esisiganeko nezivela kuloMaspala zichaza ukuba uCela ogama linguNomxolisi Nqwena Maliwa ominyaka ingamashumi amane anesixhenxe(46) ubudala, nonguSihlalo kwiKomiti yeendlela zokusebenza eMbhashe ufunyenwe ebhubhile kwisithuthi sakhe.

Ukanti kuvakala ukuba umzimba wakhe ufunyenwe ngaphakathi kwisithuthi sakhe ngakwilali yaseSofuthe eDutywa unenxeba lokudutyulwa entloko.

Amapolisa aseMbashe aphendule kwangoko akubizwa kwindawo yexhwayelo apho kuye ngenene kwaqinisekiswa ukuba lowasetyhini ubhubhile, nekubonakala ukuba ugetyengiwe.

Iinkokheli zaloMaspala zivakalise umothuko kwaye uSomlomo webhunga uBabalwa Majavu evakalisa iintlungu yakhe ngokwenzekileyo esithi “ Andiwukholelwa olusizi ndilubonayo lokuzobonela ukufa komtu okunganyamezelekiyo, kokubhubha komtu ophangela naye” ukufa lutshaba.

Amapolisa saphanda ngesisiganeko, kwanonobangela wokubulawa kwalo wasetyhini.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA