22.5 C
King William's Town
Monday, May 12, 2025

Ziphindile kwakho izikhukhula kuKomani

Indawo yakuKomani iphinde yathwaxwa kwakho zizikhukula ezibangelwe ziimvula ezinkulu neziye zanetha ngobusuku bayizolo. Uninzi lweendawo zokuwela okanye iindlela kulo mmandla ziphantsi kwamanzi. Ziimoto ezimbini(2) ezikhukuliswe ngumsinga onamandla wamanzi ngakwisitalato i-Owen/Sprigg ukuya kumlambo iKomani.

Amaqela ohlangulo akwazile ukusindisa abantu ababini abebephakathi kwezithuthi ngelixa omnye kubikwa ukuba ulahlekile ze emva koko kwacelwa inqwelo taka encinci ukuba incedise ukukhangela.

Iinkonzo zohlangulo ezikhethekileyo zibiziwe ukuze kukhangelwe lomntu olahlekileyo nowaziwayo.

Ukanti abaqhubi beemoto bayalunyukiswa ukuba balumke kakhulu njengoko ezinye iindlela zivingcelekile zizikhukhula zemvula. Ummandla waseSilvertown, amatyotyombe aseThulandivile, aphinde achaphazeleke kakhulu. Ubungakanani bomonakalo kunye nabantu abachatshazelwayo buza kuqinisekiswa njengoko amaqela esahlola.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.5 ° C
22.5 °
22.5 °
22 %
4.1kmh
38 %
Mon
22 °
Tue
24 °
Wed
29 °
Thu
28 °
Fri
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks